Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

16
Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU KUNYE NECANDELO LEZOLIMO ENTSHONA KOLONI ISISHWANKATHELO ESIQAVILEYO

Transcript of Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

Page 1: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

Ukucingisiswa ngokutsha

NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU KUNYE NECANDELO LEZOLIMOENTSHONA KOLONI

ISISHWANKATHELO ESIQAVILEYO

Page 2: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

UKOMELELA: amandla akwimvelo ephilayo ukuba imelane namaxesha anobungozi okanye ukuphazamiseka, ukunyamezela okanye ukuzihlaziya ngendlela enokuthi igcine ubuniniyo kunye nemilo

yokusekwa kwayo kwangeli xesha isagcine amandla okuqhelana, ukufunda kunye nokutshintsha.

INTSHAYELELOUkutshintsha kwemozulu kunesakhono sokungazinzisi ezolimo kunye nokhuseleko lokugcineka kokutya ze kujongele phantsi ukukhula koqoqosho kunye neendawo zasemaphandleni. Kufuneka kubekho intsebenziswano elungelelanisiweyo ukuze kuphuhliswe ukomelela kwexesha elide kutshintsho lwemo-zulu kwezolimo. Kumzamo wokuqala wentsebenziswano obungenyanga yeThupha 2014, iSebe leZolimo eNtshona Koloni lihlangene noCwangciso noPhuhliso kwimiCimbi yendalo nokusiNgqongileyo basungule iphulo eliyi smart agriculture nelilelokumelana nemozulu (SmartAgri). Phantsi kwesikhokelo seziko lemozulu yeafrika nophuhliso lwamanyathelo kwiDyunivesithi yaseKapa, lentlanganisela ivelise isikhokelo sokumelana notshintsho lwemozulu kwiphondo kunye nesicwangciso sokuzalisekiswa kwaso licandelo lezolimo entshona koloni. Oku kuthungelana kokusele kusenzeka nokukwabelana ngamava, ukufunda, iingcinga ezintsha, ukufunwa nokukhuthazwa kwemisebenzi enefuthe engokumelana nokutshintsha kwemozulu ngokuhlanganisa abathath’inxaxheba abanomdla.

IMEKO YOMGAQO Ukungabi nakuqikeleleka okunzulu kwemilo yezinto eziphilayo kunye neyentlalo yoluntu kunye nezoqoqosho kubangele ukuba abaqulunqi migaqo bakhangele ezinye iindlela zokusetyenziswa komgaqo ngenjongo yokukhuthazwa ukomelela kwexesha elide, ngokulungelelanisa umgaqo phakathi kwemigangatho karhulumente: urhulumente kaNdlunkulu, wePhondo nooMasipala. Oku kufumene inkxaso ngokusekwa kwentsebenziswano phakathi kwaboshishino, ushishino lwabucala, amaziko emfundo enomsila kunye noluntu ngokubanzi. Nangona imizamo ibingaphezi, kusafuneka ulungelelaniso olongezelekileyo kwakunye nengcaciso ngamagunya endima engahanjwa ngurhulumente kaNdlunkulu nowePhondo kwimicimbi emalunga negalelo kwinxaxheba engokumelana nokutshintsha kwemozulu.

Page 3: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

Ngokokuqonda kwethu ngeenkqubo zokutshintsha kwemozulu kula maxesha, ukutshintsha kwemozulu kuyakubangela utshintsho oluqhubekekayo kulwazi esinalo ngemozulu ebalulekileyo kuthi okanye iindlela zokuguqu-guquka kwayo.

UTSHINTSHO LWEMOZULU

Kusekho imfuneko emmandla yokuphucula amaziko emozulu kunye nezinye iindlela zokukhangelwa kwemozulu kweli phondo lonke ukuze kwenziwe izifundo ngophando kunye nokubek’esweni

okuqhubekekayo kutshintsho lwemozulu.

ZINTO ESIZIQAPHELAYO

· kukuphakama kwamaqondo obushushu

· kukucutheka kwemihla enemvula

entlakohlaza nasehlotyeni, ingakumbi

kunxweme olusemazantsi.

· ukubambezeleka okusaqhubekekayo

kokuqalisa kunye nokuphela

kwamaxesha okuna kwemvula.

UQIKELELO NGENTSHONA KOLONI KU 2040-2060

(ifuthe liyakohluka kakhulu, ngokohluka kweendawo)

· amaqondo engqele ebanda kakhulu kunye nobushushu obukhulu,

ingakumbi kwimimandla ekude nolwandle.

· ukuphakama kwamaqondo obushushu ngonyaka ukusuka ku 1.5°c

ukuya ku 3°c

· ukongezeleka kweentsuku ezishushu nokucutheka kweentsuku

ezinengqele kunye neentsuku ezineqabaka

· ukucutheka kwemvula ngonyaka esazulwini senkulungwane

· amathuba okwanda kokuna kwemvula ingakumbi

kunxweme olusemazantsi.

INtshona Koloni iyazana neezantyala-ntyala, imbalela nobushushu bomoya. Phakathi komnyaka ka 2003 no 2008 kuchithwe imali engamawaka amathathu ezigidi zeerandi nezindleko ezijongene nezehlo ezimalunga nemo yezulu. Kuse nokwenzeka ukuba ziphinde zenzeke izehlo zembalela, iimpuphuma nobushushu bomoya.

Page 4: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

150 000 YABASEBENZI

6 653 yeefama ivelisa

ama R39 yamawaka ezigidi

EZOLIMO NOKUBALULEKA KWAZO

Ezolimo eNtshona Koloni sele zikumgangatho ophakamileyo wokuphuhliswa yaye zingowona mjelo woqoqosho emaphandleni kweli phondo kananjalo nakwingqesho. Eli candela linemijelo emininzi yeemveliso eziqavileyo kuzo zonke izityalo ezilinywayo, iintyatyambo, kulungiso lwezitiya kunye namacandelo amancinci kuveliso lwemfuyo.

UKUTHUNYELWA KWEZORHWEBO LWEZOLIMO KUZWELONKE.

WC45%

NEZINYE55%

4%NGENGENISO YOMNTU NGAMNYE NGOYAKA KWINTSHONA KOLONI

NOKUYI

23.3%YENGENISO YOMNTU

NGAMNYE KWEZOLIMO KUZWELONKE YAYE LIQESHA MALUNGA

Lindawana eziphuhliswayo ziquka ukuphuculwa kwezobugcisa novavanyo phantsi kweemeko esiphila kuzo, uphuhliso lwemarike ngokulandela indlela ukutshintsha kweengenelo kukhuphiswano

ngemisebenzi, imfundo ukwabelana ngezakhono, kuyo yonke imigangatho kuquka utyelelo olongeziweyo kubavelisi, ukongezwa amandla kubanikeli zinkonzo kunye nabanye asinza nabo ushishino.

Olana ncedo lungamandla kwezolimo luphela nolona lunceda ekumelaneni nokutshintsha kwemozulu luquka umgangatho ophakamileyo weemveliso ezahlukeneyo, indlela ekusetyenzwa ngayo kwezolimo kunye neemarike kuquka necandelo lengqokelela yamafama oshishino nolulawulwa ngamaqela eemveliso kuthath’nxaxheba kwezolimo, uthungelwano olunamandla nolusulungekileyo kunye nezona zifundo zibalaseleyo kuphando kuquka noqeqesho .

Malunga ne 37% yemveliso yelicandelo isetyenziswa njengokutya okutyiwayo kunye neziselo, noluthi uninzi lwazo luthunyelwe kumanye amazwe. Ushishino ngeemveliso zewayini, iziqhamo kunye neemveliso zemfuyo ezithunyelwa kumanye amazwe nolukhula ngesantya esiphantsi lube negalelo elihle ekukhuleni koqoqosho nengeniso kumakhaya asemaphandleni.

Page 5: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

UKUPHICOTHWA KWENDLELA YOKUVELISWA KOKUTYA

The Ubudlelwano obusondeleleneyo phakathi kwezolimo nendlela yokuveliswa kokutya akuqondakali ngokucacileyo okanye kuqukwe xa kusenziwa umgaqo. Ukusilela ekulandelweni kwalendlela ngomba wokutya kuye kwathetha ukuba ukungoneli kunye nokungafumaneki kulungiswe njengemingeni yezobugcisa endaweni yokusilela kwendlela esetyenziswayo. Ukutshintsha kwemozulu kungakuqhwalelisa ubukho bokutya kubantu abakumgcipheko wendlala.

Ukuphuculwa kweendlela ezisesikweni nezingekho sikweni zokuvelisa ukutya kunye neendlela zokusetyenzwa kokutya emva kokuvunwa kunganceda ukuzisa ukomelela phantsi kwemeko

yokufumana ukutya ngokungaqhelekiyo ngokwenziwa kukutshintsha kwemozulu.

UKUTYEBA KAKHULU

KWEMIZIMBA

IZONDLO

UTSHINTSHO KWIZONDLO EMZANTSI AFRIKA

Uninzi lwabantu abangeniso iphantsi emzantsi afrika abafikeleli ekuthengeni ukutya okunezondlo yaye baxhomekeke ekusebenziseni ukutya okunesitatshi. Esi siqhelo sikhokelele ekuhleni kakhulu kwezondlo ze kwangaxesha nye kwanda ukutyeba okugqithisileyo kwemizimba.

Ukuhlolwa komngcipheko nempenbelelo yefuthe kwicandelo lezolimo lifuna intlanganisela yeembono ngoqhagamshelwano phakathi kwezinto ezibangela ukutshintsha kwemozulu, iziphumo ezingqalileyo nezo zingenelelayo kwisivuno, imfuyo nemeko yemveliso kunye nemeko yentlalo yoluntu nezoqoqosho.

Ezolimo zisemngciphekweni yaye zinobuthathaka kakhulu kutshintsha-tshintsho lwemozulu nokukhokelela kwimiphumela ebonakalayo. Kufuneka kuthathelwe ingqalelo em’mandla amathuba abangela ukuphazamiseka kwemozulu neemfuno zokhuseleko lokutya.

Page 6: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

UKUPHILA KWEZILWANYANA NEZITYALO EZAHLUKILEYO:Amanzi emilambo, izityalo nezilwanyana eziphilayo zibaluleke kakhulu kwezolimo. Ngowona mjelo wokuvelisa iinkonzo ezingenakubalwa. · Ingqokelela yamanzi emvula· ukuzaliswa kwamanzi aphuma emhlabeni· ukucocwa kwamanz· ukulondolozwa kozinziso lomhlaba, · nokujikeleziswa kwezondlo · ukuncitshiswa kwezikhukula kunye nembalela· ukulawula izitshabalalisi ezinokwenza umonakalo kwezolimo· unikelo lwezityalo eziluncedo kunye nemijelo yemvelo, · ukunqothulwa kwezityalo, · ulondolozo lwamadlelo anezondlo, · ulawulo lwamarhamncwa,· imililo nokuhlaziywa kwezityalo kunye

· nokuvalelwa kwe carbon.

OKUNGENDALO

Indlela yokuphila kwezinto eziphilileyo ngokuqhela kwazo (eba), ukumiselwa kwezinto eziphilileyo emifuleni nokwenziwa kweendibaniselwano zentsebenziswano kubonakalisa igunya lokuqhubela phambili. Intshona koloni ingasebenzisa kumava wayo athembakeleyo ophando ngezifundo nolwazi ngemijelo yezendalo ngokuthi yenze amacebo angokuqinisa unxibelelwano kwezolimo kunye namandla kwikamva layo. Oku kuyakufuna ukuba kujoliswe ekuqondweni kangcono kunye nokulondolozwa kwalo maqhina entsebenziswano. Ze kananjalo kuphuculwe intsebenziswano phakathi kwezolimo, amanzi kunye namacandelo ezidalwa eziphilayo.

Ukuhla komgangatho wamanzi, ukwanda komngcipheko wemililo etshisayo, ukuwanda kwezityala ezingafunekiyo kunye nelahleko kwintlanganisela yezityalo zezona zigrogriso ziqatseleyo yaye zisezakuqhubekela phambili ngoku phantsi kokutshintsha kwemozulu. Sele ekhona amanyathelo okulwisana nezi ngxaki nto nje afuna ukuphuculwa ngelokuni’inkxaso engapheliyo kwezolimo.

UMJELO WAMANZI: sele uphantsi koxinizelelo lokunqongophala kwamanzi

kumhlaba ongaphezu kwesiqingatha seli Phondo yaye akumthamo ophantsi

ongakuqinisekisiyo ukusetyenziselwa iimfuno

zezolimo. Ukutshintsha kwemozulu kusenokukongeza oku kunqongophala

kwamanzi xa enokusetyenziswa ngokongezelekileyo (ukuphakama

kwamaqondo obushushu) kunye nokuna okungenakubalwa kwemvula. Kubaluleke

kakhulu ukwenziwa kwezicwangciso zeembalela kunye nokukhuselwa

kwengqokelela yamanzi emvula kunye namathafa amanzi.

90% YEZITYALO EZIKHULA NGOM’BUNGUNEZI-XHOMEKEKE KUBUSI BEENYOSI

YI 13% KUPHELA UMHLABA OMANZI NONEMINYIKI ENTSHONA KOLONI

NOKWIMEKO YAWO YENDALO

Page 7: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

AMANDLA OMBANE KUNYE NOKUPHUMA KOMOYA OSHUSHU

Icandelo lezolimo lisebenzisa amandla ombane angange 2% kweli phondo (ngaphandle kwezothutho) ze kweliphondo ibe yi 5% yomoya oshushu ophuma ungcolise umoya ojikeleze ihlabathi (ghg). Imithombo yamandla om’bane isetyenziswa kwizigaba ezahlukeneyo kwiimveliso zezolimo nokusetyenzwa kwazo, ingakumbi xa kusetyenzwa umhlaba, xa kunkcenkceshelwa, kukhenkceziswa naxa zisongelwa. Eyona mithombo yaziwayo yamandla om’bane kwezolimo yidizile ze ilandelwe ngum’bane.

UKUNCITSHISWA KOKUPHUMA KOMOYA OSHUSHU ZEZOLIMO

Zimbini iindlela ezisathembisayo koku: · Kuncitshiswe ukusetyenziswa kwamandla om’bane ze kuqaliswe ngokusebenzisa imithombo yom’bane ohlaziywayo (umoya, solar-

isixhobo selanga, nomoya ophuma kwindalo ephilileyo). · Ukwahlulwa kwekharbon ngongenelelo lokusetyenziswa komhlaba

okunjengokuhlaziywa kwamahlathi, kuncitshiswe ukungahoywa kwemihlaba ze kukhuthazwe ulondolozo lwezolimo.

UKUSETYENZISWA KWAMANDLA OM’BANE

ENTSHONA KOLONI

UKUPHUMA KOMOYA OSHUSHU ENTSHONA

KOLONI

Amaziko emveliso

Izithuthi

Ezolimo

Amashishini

Oomasipala

Amakhaya esihlala kuwo

IMIFUYO

16% 28% 55% 1%

UKUNDLA KWEMFUYO & NEZITYALO

EZISEMA-SIMINI

IZIQHAMO NEWAYINI

NEZINYE

Amandla om’bane adlala indima enkulu ekuphuhlisweni kwentlalo nezoqoqosho. Kuphuhliso oluzinzileyo, kufuneka umoya owaneleyo nococekileyo. Ukukhula kwezoqoqoqsho kubonwa njengokungazinzanga xa kufuna amandla amaninzi om’bane, xa uvelisa umoya omninzi noshushu ze iwukhuphele kumoya ojikeleza ihlabathi kunye nomoya ongcolisa umongo-moya esiwuphefumlayo ze uchaphazele impilo yoluntu.

Page 8: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

IIMPEMBELELO ZEMO YEZULU Nangona ezolimo zibuthathaka kakhulu kumahla-ndenyuka amaqondo kwimozulu, iimpembelelo ziyakohluka kakhulu kwiindawo kunezinye iindawo. Ubunzulu bempembelelo buyakuxhomekeka kwiindlela ezisetyenziswa ngamafama ethu, izityalo zeemveliso, imijelo yendalo enjengamanzi kunye neemeko zokuhlala noqoqosho. Ngaphandle kokunqandwa okufanelekileyo ixesha lisavuma, ukutshintsha kwemozulu kungawatshintsha abemabi amathuba ophuhliso olusezayo kweli icandela ze kugrogrise amathuba emisebenzi kunye nempilo yabantu.

UKUTYA OKUVUNWA EBUSIKA - ukusetyenziswa kweendlela izityalo ezilunga lula ngokutshintsha kwamaxesha onyaka, ukutshintsha-tshintshwa kwendima ekulinywa kuyo izityalo, ukongezwa kokusetyenziswa kolondolozo lwezolimo kuqukwe neziphumo zokuchunyiswa komhlaba ngokunyuka komongo-moya (co²) esiwuphefumlayo, onokusinika ukomelela okwaneleyo nokumelana kokunyuka kwamaqondo obushushu ubunokude bube yi +2°c. Ezona zigrogriso ngokutshintsha kwemozulu kwizityalo ezisemasimini lutshintsho ekusasazweni kunye nobuninzi bemibungu ebhubhisayo neyahlukeneyo, ukunwenwa kwezifo nokukhula kokhula kunye noqaqaqa

IZITYALO ZASEGADINI EZINKCENKCESHELWAYO - ngaphandle kwee-apile, akulula ukuba izityalo ezikhula egadini zichaphazeleke kukufudumala okulawulekayo. Nangona kunjalo, ukutshintsha nokungaqiniseki ngamaxesha okuna kwemvula , ubushushu nokufuma kuyasandisa isivuno kwakunye neengxaki eziqatha.

Ezona zoyikiso kolu tshintsho lwemozulu kunkcenkceshelo lwezityalo ezilinywe egadini kukungoneli kwamanzi okunkcenkceshela, kukutshintsha-tshintsha kwemibungu etshabalalisayokunye nezifo kunye nokufudumala okongezelekayo.

IZITYALO EZILINYWE KWIMIHLABA EYOMILEYO (umz: rooibos) izakufumana utshintsho oluninzi kwiindawo eziyivelisa kakuhle, ziziqhelanisa neendawo ezifudumeleyo kwanezomileyo kwakunye neendawo ezintsha eziya kulungelelana nezi ziindawo ezibandayo okanye ezimanzi.

ABAVELISI BEMFUYO ENINZI (iinkomo, iigusha, iibhokhwe kunye neenciniba) ziyakuchaphazeleka lutshintsho olukwimimandla enezityalo kunye nokuveliswa kokutya kwemfuyo. Iinkomo zobisi zobaphantsi komngcipheko omkhulu woxinezelelo lobushushu obuzakunciphisa imveliso yobisi kunye nokuqhama inzala.

UKUVELISWA KWEMFUYO ENGEPHI: (ukondliwa kweenkomo, iihagu, iinkukhu) kunokwenzeka ukuba kuchaphazeleke ngendlela embi ngenxa yefuthe lobushushu kwimimandla eshushu, ukunqongophala kokutya, ukunyuka kwamaxabiso kunye nokwanda kwezifo.

Page 9: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

ADAPTATION RESPONSESOWONA MNGCIPHEKO UQHELEKILEYO: uquka izikhukula, imbalela, isichotho, iqabaka kunye nemililo kwakunye nokonakaliswa kweziseko zoncedo kwezolimo.

KUMGANGATHO WEMVELISO: ezolimo kweli Phondo zibonakalisa ukuphakama okuhle kumgangatho wokwazi ukuqhelana nemeko kunye nezo mveliso zim’balwa zinokugrogriswa kukufudumala okungatshisiyo (de kubesembindini wenkulungwane). Nangona kunjalo, angancipha amandla okumelana nemeko ngenxa yoxinezelelo oluninzi olubangelwa yimozulu,ukutshintsha-tshintsha okuninzi kwemozulu engazinzanga kunye nexesha elifutshane lokulungisa umonakalo, kunye nezinye iimeko ezinzima neziqhelekileyo kwezinye iindawo ezingasahoyekanga.

Icandelo lezolimo liyaziqhelanisa nemeko ngokuthi lisabele kwiingxaki ezibangelwa yile meko yokutshintsha-tshintsha kwemo yezulu nezinye ezikumlimganiselo ogqithileyo ngobuzaza ezikwangumngeni kuluntu noqoqosho kunye noxinezelelo olukhoyo. Nangona lukhona uncedo oluzayo, uninzi kolu ncedo sinalo lubanento eliyenzayo yaye lujoliswe kwiziphumo zexesha elifutshane. Abavelisi badinga ubuxhaka-xhaka obuninzi bobugcisa ngeekompyutha kunye nawona macebo azakukhethwa ze asetyenziswe njengawona alungele iimeko kunye neemfuno zendawo ezahlukeneyo. Akufuneki kuphoxeka kukhulu kokungasebenzi kobuxhaka-xhaka bobugcisa nokuzakuphazamisa amathuma emozulu entle. Kufuneka ukuqhelaniswa ukuhambelane nophuhliso oluzinzileyo kunye nokudalwa kwamathuba emisebenzi.

Ezi ndlela zilandelayo zise sisiqalo yaye kusafuneka ziphuhliswe ngakumbi:Ulungiselelo lokutshintsha-tshintsha kwemozulu· iindlela zokulondolozwa kwemozulu· uqikelelo lwemozulu kunye nokutshintsha kwemozulu ezayo· ukuthotywa komngcipheko wentlekele kunye nolawulo lwayo· ulawulo lomngciphelo ne inshorensi

Ulawulo oluzinzileyo lomhlaba olungisiweyo kunye namanzi· ubugcisa bokunkcenkceshela namaxesha amiselweyo· ukugecwa kwemithi engaqhelekanga · ukuhlaziywa nokugcinwa kwe “wetlands”· ukulondolozwa kwezolimo· iindawo ezintsha zokufumana amanzi okunkcenkceshela· ukuphuculwa kwamanzi· ukuphuculwa kwendlela yokuphathwa komhlaba

Ulawulo oluzinzileyo lwezityalo ezilungisiweyo· uphuhliso lokuveliswa kwezityalo ezintsha kunye nokutyalwa kwazo· indima yezityalo ezithile kunye nendlela yokuzilima· ubugcisa ngolwazi lwezinto eziphilayo ukuze izityalo ziqhelane nemozulu· intlanganisela yolawulo lwezitshabalalisi, izifo kunye nokhula· ukulawulwa kwezivuno zonyaka

· ubuxhaka-xhaka bobugcisa bokulawula ukuphakama kwamazinga obushushu· iindawo ezintsha zemveliso

Ulawulo oluzinzileyo lwemfuyo elungisiweyo· ukuzalisa imfuyo nohlobo lwempahla ozikhethayo · ulawulo lwemfuyo· ulawulo lwezitshabalalisi kunye nezifo

Uhlobo oluzinzileyo lweefama ezilungisiweyo· ukuphila ngokulima nemfuyo / umxube kwezolimo· intlanganisela yemveliso· mveliso ekhuliswe ngokwendalo

Uzinzi olwenziwa yiMarike nentengisoUqhelaniso kwindawo ekuhlala izinto eziphilileyo (eba) Uqhelaniso ngokuhlala phakathi kwabantu (cba)Umbutho wabathath’inxaxheba abanomdla kunye noqhagamshelwanoImfundo noPhando ngezifundoUkuphathwa kolwaziIindibaniselwano

Page 10: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

1

516

10

8

9 23

11

15

12

27

1419

133

20

64

22

2117 18

Page 11: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

IMEKO YOMHLABA KWIMIMANDLA

IGAMA LENDAWO EYONA MIJELO YOKUFUMANA

AMANZI

EZONA ZIVUNO ZORHWEBO

IZIBONISO ZOKUTSHINTSHA

KWEMOZULU

IMVELISO KWIXESHA ELIZAYO

Bokkeveld Amadama efama, imithombo evelisa amanzi & nepitsi lamanzi

Irharnathi, ingqolowa, iziqhamo ezinepetet,itswele, iitapile & neenkomo

Ubushushu kukufudumala okuphakathi

RIsenganinzi kakhulu ukuba amadama asenamanzi amaninzi

Bo-Langkloof-Outeniqua

amadama, ukungabinapitsi lamanzi, kukusebenzisa amanzi emithombo

Irharnathi, ihops, ingqolowa, iinkomo, iigusha & neebhokhwe

Ubushushu buphantsi ze bumana ukuba Phakathi

Izakuqhubeka incinci, koxhemekeka kubukho bamanzi kunye nokuqatsela kwemozulu

Breede Breede river, amadama, amadama efama, ipitsi elikhulu lamanzi

Idiliya yewayini, ingqolowa,iziqhamo ezinepete,irharnathi, isiqhamo somnquma, iinkukhu zenyama, iinkukhu zamaqanda

Kufudumele ngokuphakati

Isenganinzi kakhulu ukuba amadama asenamanzi amaninzi

Cape Town-Winelands

Ngamadama amakhulu anamanzi okunkcenkceshela, amadama efama, imilambo, ipitsi elikhulu lamanzi, xa ligcwele kakhulu

Idiliya yewayini nedliwayo, ingqolowa, iziqhamo ezinepete, imifuno, iziqhamo zomnquma, icanola, amaqunube,Iinkukhu zenyama, iinkukhu zamaqanda & neehagu

Kuphantsi ukufudumala

Isenganinzi kakhulu ukuba amadama asenamanzi amaninzi

1

2

3

4

* Kuphononongwe imizekelo yokunqongophala nokuxhaphaka kwemvula. Ukufudumala kwase Ntshona koloni koba phakathi kwe 1.5 ºc ne 3 ºc ngo 2050.

Page 12: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

12

IGAMA LENDAWO EYONA MIJELO YOKUFUMANA

AMANZI

EZONA ZIVUNO ZORHWEBO

IZIBONISO ZOKUTSHINTSHA

KWEMOZULU

IMVELISO KWIXESHA ELIZAYO

Cederberg Remilanjeni, am’balwa amapitsi okugcina amanzi

yiRooibos, ingqolowa, orenji/lamuni, iwayini idiliya, iitapile, iinkoo

Kuphantsi ukufudumala

Imveliso iya ngokuncipha ingakumbi eMantla

Grabouw-Villiersdorp-Franschhoek

Ngamadama amakhulu e Wcwss, amadama efama, amapitsi amakhulu okugcina amanzi

irharnathi, idiliya lewayini, ingqolowa, irhasi, iziqhamo ezinepete, amaqunube

Kuphantsi ukufudumala

Ihlala ininzi ukuba amanzi asagcwele edameni kodwa ii-apile ziye zingafuneki ngenxa yobushushu

GrootBrak-Plett Emilanjeni, amapitsi am’balwa okugcina amanzi

yingqolowa, irhasi, imifuno, ubisi, iinkomo,iinkukhu zamaqanda

Kuphantsi ukufudumala

Kunokwenzeka ukuba isivuno sihle kodwa koxhomekeka kwizigaba zokuna kwemvula

Hardeveld/ Sandveld-north

Am’balwa amapitsi okugcina amanzi, kusetyenziswe amanzi omthombo

ingqolowa, idiliya yewayini, irooibos, neetapile

Kushushu ngokuphakathi de kutshise

Iye ingahoywa ngakumbi

Hex Amadama efama, am’ba; wa kakhulu amapitsi okugcina amanzi

Idiliya edliwayo, i-orenji neelamuni

Kushushu ngokuphakathi

Ihlala ininzi ukuba idama lisagcwele

Knersvlakte Phantse kungabikho pitsi lokugcina amanzi

ingqolowa, iwayini nediliya edliwayo, irooibos,iigusha, iinkomo, iibhokhwe

Kushushu ngokwaneleyo

Ayihoywanga yaye kuyakhula ukungahoywa

Koup Im’balwa imilambo ekhe ingabinamanzi, akhona amapitsi okugcina amanzi, ukusetyenziswa kwamanzi omthombo

Iziqhamo zomnquma, imifuno kunye neembewu zemifuno

Kushushu kakhulu Imveliso izakwehla kancinci, zokoyiswa bubushushu

Little-Karoo Amadama efama, Im’balwa imilambo ekhe ingabinamanzi, akhona amapitsi okugcina amanzi

ingqolowa, imifuno, idiliya yewayini iziqhamo ezinepete, iziqhamo zomnquma, ubisi, iinciniba, iigusha, iinkomo, iibhokhwe, neehagu

Ubushushu obuphakathi de kube shushu kakhulu

Isezakuba sininzi isivuno ukuba amadama asagcwala ngamanzi

5

6

8

9

10

11

7

Page 13: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

IGAMA LENDAWO EYONA MIJELO YOKUFUMANA

AMANZI

EZONA ZIVUNO ZORHWEBO

IZIBONISO ZOKUTSHINTSHA

KWEMOZULU

IMVELISO KWIXESHA ELIZAYO

Montagu-Barrydale

imilambo, amadama, anqabile amapitsi okugcina amanzi

Iziqhamo ezinepete, ingqolowa, irhasi, idiliya yewayini, irharnathi, ii-orenji neelamuni,iziqhamo zomnquma, iigusha

Ubushushu buphakathi

Iseza kuba sininzi isivuno ukuba amadama asagcwala ngamanzi

MosselBay-Herbertsdale

imilambo, anqabile amapitsi okugcina amanzi

ingqolowa,irhasi, icanola, amaqunube,Ubisi,iinciniba, iihagu, iinkomo, neegusha

Kupholile Kuzakutshintsha-tshintsha, isivuno singanda xa kunokongezwa ukunkcenkceshelwa

Nelspoort Im’balwa imilambo ekhe ingabinamanzi anqabile amapitsi okugcina amanzi, ukusetyenziswa kwamanzi omthombo

Iinkomo, iigusha, iibhokhwe neenciniba

Kushushu Kuxhomekeke-kutshintsho lwemihlaba esemathanga, tshiswa lilanga kakhulu kunye namanzi amaninzi

Olifants irrigation

yiOlifants river, lidama, ngamapitsi okugcina amanzi

ii-orenji neelamuni, ingqolowa, idiliya yewayini nedliwayo, irooibos, neetomato

Kushushu ngokuphakathi de kube shushu kakhulu

Isivuno singaxhathisa ukuba umlambo usenamanzi namadama esenamanzi kodwa sothwaxwa bubushushu

Piketberg Amadama efama, anqabile amapitsi okugcina amanzi

Amapere, izityalo ezisendle, iintyatyambo, iziqhamo ezinepetet, ingqolowat, ii-orenji neelamuni, amamayeza / ne-oli eziyimfuneko, idiliya yewayini, icape rush, iigusha, neenkomo

Kufudumele Isivuno singaxhathisa ukuba amadama efama esenamanzi kodwa oko kungatshintsha ngenxa yobushushu

13

14

15

16

17

Page 14: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

IGAMA LENDAWO EYONA MIJELO YOKUFUMANA

AMANZI

EZONA ZIVUNO ZORHWEBO

IZIBONISO ZOKUTSHINTSHA

KWEMOZULU

IMVELISO KWIXESHA ELIZAYO

Rooikaroo-Aurora

Ngamazantsi e Berg river, anqabile amapitsi okugcina amanzi

ingqolowa, icanola, irooibos,iigusha, iinkomo

Kufudumele Izakuye ingahoyeki ingqolowa

Rûens-East Amadama efama, umlambo owomayo, anqabile amapitsi okugcina amanzi

ingqolowa, irhasi, icanola, iigusha, iinkomo, ubisi, iihagu, iinciniba

Kupholile Iya ngokungahoyeki ingqolowa nombona, kodwa zingenza ngcono xa sinokufumana imvula eyongezelekileyo

Rûens-West Amadama efama, umlambo owomayo, anqabile amapitsi okugcina amanzi

ingqolowa, irhasi, icanola, iigusha, iinkomo, ubisi, iigusha neenkomo

Kupholile Sisachuma kakhulu isivuno sengqolowa nombona, kodwa nokukhula kwesivuno ngokungalinganiyo

Sandveld-South Anqabile amapitsi okugcina amanzi, kusetyenziswa kakhulu amanzi aphuma emthonjeni, umlambo iberg rivier

ingqolowa, iitapile,irooibos, iigusha, inkomo

Kufudumele Zisezakungahoywa ezi mveliso

Swartland Kumadama amakhulu aseWcwss, kwiberg river, kumadama efama, akhona amapitsi okugcina amanzi

ingqolowa, iwayini kunye nediliya edliwayo, icanola, iziqhamo zomnquma, ubisi, iihagu, iigusha, iinkomo

Kupholile de kufudumale

Kusezakufunwa ngamandla ingqolowa nombona, kodwa isivuno siyokwanda ngokungalinganiyo

Tankwa-van Wyksdorp

Akhona amapitsi oikugcina amanziy, kusetyenziswa amanzi aphumaemthonjeni

gqolowa, iziqhamo ezinepete, idiliya yewayini, iigusha, iibhokhwe, iihagu, iinkomo, izilwanyane zasendle, iinciniba, ubisi

Kufudumele de kubeshushu

Imveliso izakuya isehla kancinci, izakutshiswa bubushushu kunye nokunqongophala kwamanzi

18

19

20

21

22

23

* Kuphononongwe imizekelo yokunqongophala nokuxhaphaka kwemvula. Ukufudumala kwase Ntshona koloni koba phakathi kwe 1.5 ºc ne 3 ºc ngo 2050.

Page 15: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

ISIPHELOUkutshintsha kwemozulu kuyalichaphazela ezolimo ngeendlela ezininzi ezithungelanayo nezibangela uxinezelelo. Ukuqhelana neziphumo zokutshintsha kwemozulu kunye nokuthonyalaliswa kokuphuma komoya oshushu kwezolimo, kunokuthi kukhokelele ekumelaneni ngokomelela nemozulu, kuyakuxhomekeka ekusatyelweni kwezi ngongoma zoxinezelelo jengo lungiselelo lwemozulu eyahlukileyo kwixesha elizayo.

Ezolimo luxhomekeke kakhulu kulawulo olululo lomngcipheko noluquka ingongoma ezintathu zozinziso, nezizezi: uqoqosho, indalo esingqongileyo nentlalo yoluntu. Amandla olwazi lokumelana nomngcipheko wokutshintsha kwemozulu axhomekeke ekubeni amashishini abucala akowuphi na umgangatho kwezoqoqosho nasekufikeleleni kwizinto eziluncedo. Uqoqosho oluvelisa kakhulu ngeendleko eziphantsi kunye noqoqosho olungokuxutywa kweemveliso zorhwebo kuquka nemihlaba esetyenziselwa imveliso, luwanceda kakhulu amafama esele ekhulile ngokomelela ekumelaneni notshintsho lwemozulu kunamafama angayixubiyo imveliso yawo. Ulungiselelo lwemarike oluhambelana neemeko kunye noqhagamshelwano nokusongelwa kuquka nokupakiswa kweemveliso nako kuluncedo ekumelaneni notshintsho lwemozulu ngokomeleleyo.

Kufuneka eli candela ligqithe ekumelaneni notshintsho lwemozulu kodwa lenze amacebo okucwangcisela ixesha elizayo nelikufutshane. Intshona koloni isanda kakhulu ngokungahoyi ezolimo yaye oku kungabonakala xa kunokwenziwa uphando ngezifundo, unaniselwano ngolwazi nokulondolozwa. Nangona kunjalo, eminye imihlaba esetyenziselwa ezolimo iyakuxhamla kutshintsho lwemozulu epholileyo ezinje ngemozulu efudumeleyo nenemvula ena ngokwaneleyo nkqu neyongezelekayo. Kwezinye iimeko, ukutshintshela ekulimeni izityalo kunye nokufuya uhlobo lwemfuyo eyomeleleyo ekumelaneni nokutshintsha kwemozulu kunye neendlela ezizezinye zokulawula ifama (ulimo nokufuya okulungele imozulu) kungalunceda ezolimo ekubharheni ngaphandle kokuchaphazela kakubi inzuzo kunye namathuba enhqesho. Kufuneka kuphononongwe kakuhle amathuba okuhluma kwintengiselwano ngokuchasene nomngcipheko wokutshintsha kwemozulu kunye neempembelelo kuquka nommba wokucuthwa kwezinto eziluncedo (amanzi, ummbane nomhlaba) ezifunekayo kule misebenzi.

Kwenziwe inguqu ukususela ekulinganisweni ukuya ekuthotyweni komoya ongalunganga kwiimfuno zezolimo, ngokusetyenziswa umgaqo olfanelekileyo. Uninzi lweendlela ebezinokusetyenziswa ekuthomalaliseni zibonakalisa amathuba eenzuzo zemali (umz; imbuyekezo yemali) okanye bacebise ngeenzuzo abanokuzifumana nezinokukhokelela kumathuba emveliso eyongezelekileyo (umz; ummbane othembakeleyo nongabizi xabiso liphezulu, ulondolozo nezolimo).

Kukhangeleka ngathi iNtshona koloni isezakuba yingingqi eyomeleleyo kwezolimo, kule minyaka immbalwa neliqela izayo, ukuba ngaba ucwangciso olwenziwayo luyithathela ingqalelo imozulu yexesha elingaphambili ze kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo. Inyathelo lokuqla kwiphulo le “smartagri” yoba kukwenziwa kwesikhokelo sokumelana nokutshintsha kwemozulu kunye nesicwangciso sokumiselwa kwaso.

Page 16: Ukucingisiswa ngokutsha NGOKUTSHINTSHA KWEMO-ZULU …

Designed by Theresa Wigley | [email protected]

Le nkupho sisishwankathelo esipheleleyo sokuphicothwa kwemeko yangoku ngotshintsho lwemozulu kunye necandelo lezolimo kwiPhondo leNtshona koloni (2015)

Ukuze uzifumanele le ngxelo iphelele okanye uve ngokubanzi, ngena kule dilesi ilandelayo: e-mail: [email protected] | www.acdi.uct.ac.za/research/smartagri