MASIKHULISE UMZANTSI AFRIKA NGOKU- BAMBISANA · 2019. 3. 19. · Sizakuguqula ikharityhulam kwaye...

12
MASIKHULISE UMZANTSI AFRIKA NGOKU- BAMBISANA ISISHWANKATHELO SEMANIFESTO YONYULO LUKA 2019 INTLALO ENGCONO KUBO BONKE ABANTU

Transcript of MASIKHULISE UMZANTSI AFRIKA NGOKU- BAMBISANA · 2019. 3. 19. · Sizakuguqula ikharityhulam kwaye...

  • MASIKHULISE UMZANTSI AFRIKA NGOKU-BAMBISANA

    ISISHWANKATHELO SEMANIFESTO YONYULO LUKA 2019

    INTLALO ENGCONO KUBO BONKE ABANTU

  • Ngokubambisana nabantu baseMzantsi Afrika, i-ANC ikulungele ukubhala isahluko esilandelayo kwimbali yelizwe lethu.

    Isahluko sethemba elitsha kwidabi lokuphelisa intswelangqesho, ubuhlwempu kunye nokungalingani.

    Isahluko sokuncothula iingcambu zobuqhetseba.

    Isahluko semvuselelo.

    Isahluko sokwakha ngokutsha.

    Isahluko esiqaqambisa impumelelo yabo bonke abantu kunye nokukhula okubandakanya bonke abantu.

    Masityhile kwelinye iphepha kwaye MASAKHE UMZANTSI AFRIKA, NGOKUBAMBISANA.

  • Esi sishwankathelo sisikhokelo seManifesto ye-ANC yoNyulo luka 2019. Imbono nesicwangciso sethu njengoko sikhulisa uMzantsi Afrika zizakugxininisa kule miba ibekelwa phambli ilandelayo:

    • Sizakuvelisa imisebenzi emitsha endilisekileyo

    • Sizakuguqula uqoqosho lunike inkonzo kubo bonke abantu

    • Sizakuqinisekisa ufikelelo oluphangaleleyo kunakekelo lwempilo esemgangathweni

    • Sizakunika ukhuseleko lwentlalo oluphangaleleyo

    • Sizakuqinisekisa ukhuseleko kwiindawo zabahlali

    • Sizakulwa ubuqhetseba kwaye siqinise ulawulo olulungileyo

    • Sizakumanya abantu baseMzantsi Afrika kwaye samkele iiyantlukwano zethu

    Isicwangciso sethu sisicwangciso ngani, bantu baseMzantsi Afrika, abantsundu nabamhlophe, abatsha nabadala, abahlala ezilalini nabahlala ezidolophini.

    Nisincedisile savelisa le Manifesto. Masibambisaneni ngokuyimisela.

    INTLALO ENGCONO KUBO BONKE ABANTU

  • Ngokusebenzisana nemibutho yabasebenzi, osomabhizinisi kunye nabahlali, SIZAKHUSELA imisebenzi ekhoyo, SIVELISE imisebenzi emininzi emitsha kwaye siqinisekise ukuba bonke abasebenzi banako ukuzuza imivuzo ephilisayo.

    Sizakuphucula intlalo nobomi babantu abaphantse bayi 6million ngoMvuzo weLizwe oSisiseko i-National Minimum Wage, kwaye siqinisekise ukufakwa komthetho wokumisela isigqibo seNkundla yoMgaqosiseko esimalunga nee-labour brokers.

    Sizakwandisa inkqubo yokuqeqeshwa abantu bephangela ngee-internship kunye namathuba ezoqeqesho.

    Sizakuququzelela i-R1,2 trillion yotyalo-mali olutsha kwisithuba seminyaka emi 4 njengenxenye yesicwangciso sethu sokukhulisa uqoqosho kwaye sivelise imisebenzi.

    Sizakwakha ubambano lwemvumelwano yentlalo malunga nokutyala imali kubuxhakaxhaka noosomabhizinisi kunye nemibutho yabasebenzi ukuze kufakwe imali kwiiprowujekthi ezingundoqo zobuxhakaxhaka bezoqoqosho nentlalo.

    Sizakukhawulezisa kwaye sisuse imiqobo ekunikweni kweeprowujekthi ezinkulu ngeKomishoni ephuculiweyo kaMongameli yokuQuquzelela uBuxhakaxhaka (i-Presidential Infrastructure Co-ordinating Commission).

    Sizakusebenzisana noogxa bethu ukuze siqeqeshe abasebenzi kubuchwepheshe obutsha beteknoloji kwaye sivelise iitalente zabo nezakhono zabo zokuvelisa izinto.

    Sizakuyisusa imfuneko yamava omsebenzi xa kuqeshwa abantu abatsha kumanqanaba okungena, ngakumbi kwiinkonzo zikarhulumente, sibuyisele kwicandelo likarhulumente iinkonzo zenkxaso ezifunyanwa ngaphandle.

    IMISEBENZI EMININZI, IMISEBENZI EMININZI ENDILISEKILEYO

    Sizakongeza eminye imisebenzi engama 275,000 ngonyaka, ngokunyusa izinga lokudingwa nokuthengwa kwezinto zeli lizwe, songeze utyalo-mali kwiinkonzo zemigodi, iinkonzo zokwenza iimpahla nezinto kunye nangokwandisa iimarike zokuthumela iimpahla kumazwe angaphandle.

    2

  • SIZAKWAKHA UQOQOSHO apho bonke abantu bayakuthabatha inxaxheba ebonakalayo nalapho beyakuxhamla khona bebonke.

    UQOQOSHO LWABO BONKE ABANTU

    Sizakwenza kubelula ukuba amashishini asakhulayo nangawabantu abantsundu afumane izikweleti kunye neemali-mboleko.

    Sizakuxhasa ukukhula kwecandelo leebhanki zemifelandawonye kwaye sandise ubunikazi kunye nokulawulwa kweenkonzo zebhanki ngabasebenzi nabahlali.

    Sizakuqinisekisa ukuhambisana nenkqubo eqwalaselwe ngokutsha yemigqaliselo yokunika abantsundu amandla ezoqoqosho.

    Sizakucutha iindleko ze-data kwaye sinabisele i-WiFi yamahala kwezinye iindawo elizweni liphela.

    Sizakusa i-30% yemali urhulumente athenga ngayo kumashishini amancinane nakwimifelandawonye (ii-cooperatives) kwaye sikhuthaze icandelo elizimele bucala lamashishini nalo lenze njalo.

    Sizakufaka imithetho eyakwenza abasebenzi bakwazi ukuthabatha inxaxheba kwiinkampani abazisebenzelayo kwaye baxhamle kuzo zonke iinzuzo.

    Sizakuseka ingxowa-mali yezoqoqosho yasezilokishini neyasezilalini kwaye sixhase ukusekwa koluhlu lwamaziko woobhazabhaza beevenkile ezinkulu ezinobunikazi babahlali.

    Sizakuqinisekisa ukuba oogunyaziwe bezokhuphiswano banamandla asemthethweni nawezemali ukuze bajongane nengxaki yoohlohlesakhe (ii-monopolies).

    Sizakukhawulezisa inguqu kwezomhlaba, kubandakanywa ukunikelwa kweetayitile zobunikazi kunye nenkxaso kumafama worhwebo amatsha.

    Sizakuqhubisela phambili ufikelelo lwabasetyhini kumhlaba kwaye sikhusele amalungelo wabantu ekudala behlala kumhlaba ohlanganelweyo.

    3

  • SIZAKUTHABATHA AMANYATHELO AKHAWULEZILEYO OKUPHUCULA izibhedlele neeklinikhi, kwaye sisebenzele ukufezekisa UNAKEKELO OLUPHANGALELEYO LWEMPILO ngaku 2025.

    IMPILO ESEMGANGATHWENI KUBO BONKE ABANTU

    Sizakufaka kwinkonzo yoluntu i-50,000+ nangaphezulu yabasebenzi bonakekelo lwempilo yabahlali. Kwisithuba seminyaka emi 5 sizakuliphindaphinda kabini inani labasebenzi bempilo yabahlali kwaye banikwe imisebenzi ezilalini, ezilokishini nasematyotyombeni.

    Sizakunikela uxanduva kubaphathi beenkonzo zempilo abasezithilini nakwiindawo ezikufuphi neenkonzo ezibhedlele nakwiiklinikhi ukuze sithintele imingcelele emide yezigulane ezilindele unyango.

    Sizakuvavanyela i-TB abantu abayi 2million kwaye sifake i-90% yabantu abane-HIV kwinkqubo yokufumana amayeza ngaku 2020.

    Sizakuqeqesha abanye oogqirha noonesi abongezelelweyo kwaye siphucule ulawulo nobunkokeli becandelo lempilo yaseburhulumenteni iphela.

    Sizakufezekisa unakekelo lwempilo lwamahala olusemgangathweni kwinqanaba losetyenziso ngaku 2025 nge-Inshorensi yeMpilo yeLizwe (i-National Health Insurance).

    Sizakuvala izithuba zemisebenzi engundoqo ezibhedlele naseziklinikhi.

    4

  • UKHUSELEKO NOZINZO KUBO BONKE ABANTU

    Sizakwakha iithoyilethi ezikhuselekileyo kwaye siphelise iithoyilethi zamabhakethi.

    Sizakunikezela ngomhlaba karhulumente ukuze abantu bazakhele izindlu zabo.

    Sizakwandisa ufikelelo lwabantu abaninzi kwi-UIF.

    Sizakumisela uluhlu oluxandileyo lweenzuzo zokhuseleko lwentlalo kwaye senze kufikeleleke lula kwezi nzuzo ngelilixa sijongene nokungabandakanywa kweenkedama, abantwana, abantu abakhubazekileyo kunye nabantu asebekhulile ezilalini nasezifama.

    Sizakuphinda SIPHUCULE INTLALO NOBOMI bezigidi ngezigidi zabantu ngokusebenzela ukusondela kukhuseleko oluphangaleleyo lwezentlalo kunye nokunika ufikelelo olungcono lwezentlalo kwiinkonzo ezifikelelekayo, ezothutho kunye nezezindlu kufutshane namathuba emisebenzi.

    Sizakusebenza neshishini leeteksi ukuze siqinisekise ukuba likhuselekile, licocekile kwaye lithembekile.

    Sizakuvelisa iiprowujekthi ezidibanisa imiba yophuhliso lwezoqoqosho, ezezindlu, ubuchwepheshe beteknoloji kunye nezothutho.

    Sizakutyala imali kwiinkonzo ezikhuselekileyo nezithembekileyo zothutho loluntu ngoololiwe.

    Sizakujongana nokuhamba kade konikezelo lweetayitili zobunikazi.

    Sizakuqhubeka ukubeka phambili ukunikwa kobuxhakaxhaka bamanzi ukuze kunikwe amanzi acocekileyo, sikhawulezise futhi sisuse imiqobo kwiiprowujekthi ezingundoqo.

    5

  • IINDAWO ZABAHLALI EZIKHUSELEKILEYO, UBOMI OBUKHUSELEKILEYO

    SIZAKUQINISA iinkonzo zamapolisa ukuze sisuse zonke iintlobo zobugebenga, imibutho yemigulukudu kunye neziyobisi KWIINDAWO ZABAHLALI kwaye sizakumisela isicwangciso selizwe sokuthabatha amanyathelo wokuphelisa ubundlobongela obusekelwe kwisini.

    Sizakunyusa izinga lembonakalo yamapolisa kwiindawo zabahlali ngokunyusa inani lamapolisa anxibe iyunifom angamadoda nabasetyhini.

    Sizakuxhobisa ngcono amapolisa neenkundla ukuze kuxhaswe amaxhoba asinde kubundlobongela obusekelwe kwisini.

    Sizakungqala ubundlobongela bemibutho yemigulukudu kunye neziyobisi ngokusebenzisa amacandelo amatsha achasene nemibutho yemigulukudu yezigebenga.

    Sizakumisela isicwangciso selizwe sokuthabatha amanyathelo ukuze kujongwane nezizathu zobundlobongela obusekelwe kwisini.

    Sizakuqinisekisa ukuba amapolisa aqeqeshwa ngcono ukuze akwazi ukuphanda amatyala kwaye kuphuculwe intsebenziswano phakathi kwabaphandi nabatshutshisi.

    Sizakukhawulezisa iinkqubo zemfundo kunye nenkxaso yemo yasengqondweni neyentlalo kubafundi nabantwana abancinane.

    Sizakuqinisa aMaqonga weenkonzo zobupolisa nokhuseleko lwa-bahlali, ii-Community Policing Forums kunye nee-Community Safety Forums.

    Sizakunyusa inkxaso kumaziko onakekelo, ii-Thuthuzela Care Centres nakwamanye amaziko okunika amandla kumaxhoba asindileyo.

    Sizakubiza imiqathango engqingqwa yebheyile kumatyala wobundlobongela basekhaya nakwawezenzo ezayamene nesondo.

    6

  • INGUQU ENKULU YEZAKHONO

    Malunga nemfundo esisiseko, sizakuqasha ootitshala abawufundeleyo lo msebenzi kwaye senze basabele iimfuno zabantu.

    Sizakumisela inkqubo ephangaleleyo yokufundela umsebenzi phantsi komqeshi onesakhono ngee-apprenticeship.

    Sizakunabisela imfundo ephakamileyo yasimahla kumahlwempu nakubantu ababalelwa kwabakwaziyo ukuzihlawulela kodwa babe bengenako ukuzihlawulela.

    Sizakuguqula ikharityhulam kwaye abantwana sibalungiselele intshukumo yobuchwepheshe beteknoloji bala maxesha ukubalungiselela i-4th Industrial Revolution.

    Sizakutshintshela uxanduva lophuhliso lwabantwana abaselula, i-early childhood development (ECD) kwiSebe leMfundo eSisiseko, kwaye senze iminyaka emi 2 ye-ECD ibesisinyanzelo kubo bonke abantwana.

    Sizakuqinisekisa ukuba iikholeji ze-TVET nezabahlali zixhaswa ngemali ngokufanelekileyo.

    Sizakuxhobisela abantu abatsha baseMzantsi Afrika ihlabathi langomso NGOKUVULA iingcango zemfundo kubo bonke abantu nangokugxininisa KUMGANGATHO OPHEZULU NASEKUVELISENI IZINTO EZINTSHA.

    Sizakuqhubeka ukuphakamisa umgangatho wezakhiwo zezikolo kwaye sishenxise iithoyilethi ezingakhuselekanga ezikolweni.

    7

  • URHULUMENTE ONESAKHONO, OTHEMBEKILEYO

    SIZAKUPHELISA ukuthiwa nqo ngempumlo kukarhulumente, sibuyise isidima samaziko oburhulumente kwaye silwe ubuqhetseba, ngelilixa siqinisekisa ukuba urhulumente unamandla, unezinto kunye nabantu bokwenza umsebenzi wakhe ngokunempumelelo.

    Sizakuqinisa indima yokuhlola ukwenziwa komsebenzi eyenziwa yiPalamente kunye nezindlu zowiso-mthetho zamaphondo.

    Sizakuxhasa amabhunga eendawo ukuze kuphuculwe ulawulo lwemali kunye nokunikwa kweenkonzo.

    Sizakwenza iinkqubo zokucela ukunikwa kweenkonzo ngokwee-tenders zivele elubala, zisebenze ngobunono kwaye zithembeke.

    Sizakuthabatha amanyathelo angqingqwa achasene nobuqhetseba kunye nokuthiwa nqo ngempumlo kukarhulumente (i-state capture).

    Sizakuqhubeka nomsebenzi wokuqinisa ii-Hawks, i-NPA kunye ne-SIU.

    Sizakwenza uphengululo lokuhlola umgangatho wokuphila kwamagosa karhulumente kwaye sithintele abasebenzi baseburhulumenteni ekubeni baqhube ushishino norhulumente.

    Sizakuqhubeka ukukhusela ukuzimela geqe kwenkonzo yezobulungisa nabagwebi.

    Sizakuqinisa ubudlelwane namaziko wobunkokeli bezemveli kwaye sisebenzisane ne-Contralesa.

    8

  • ILIZWE ELIMANYENEYO NANGONA ABANTU BEHLUKENE

    Sizakuphakamisa inkululeko neentlobo-ntlobo ezahlukeneyo zeenkonzo zosasazo.

    Sizakubandakanya iimfuno zabasetyhini nezabantu abakhubazekileyo kuzo zonke iinkqubo nezicwangciso zikarhulumente.

    Sizakuphakamisa imiba exabisekileyo yokungacaluli ngokobuhlanga nangokwesini, ngokusebenzisa ezemidlalo, ubugcisa, inkcubeko kunye nemiba ehlanganisa iinkolo ngeenkolo.

    Sizakuququzelela iinkqubo zokothulela umnqwazi amadoda nabasetyhini abazuze iitayitile zokuba ngamagqala eemfazwe zethu zenkululeko.

    Sizakufaka imithetho yokulwa ubugebenga bentiyo zabanye abantu.

    Sizakufaka iinkqubo yemfundo zeelwimi zemveli ezikolweni nakwezinye iindawo.

    Sizakuphakamisa ukufundwa kwezembali ezikolweni.

    Sizakuqeqesha ootitshala kunye nabasebenzi baseburhulumenteni bakwazi ukujongana nazo zonke iindidi zeeyantlukwano.

    SIZAKUSEBENZELA ukumanya bonke abantu baseMzantsi Afrika kwaye sakhe ilizwe ELILELABANTU BONKE nalapho abantu baziva besekhaya kulo.

    Sizakubhiyozela wonke amasiko weemveli zabantu ngelixa leeholide zelizwe.

    9

  • Ikhutshwe yi-African National Congress, 54 Pixley Ka Seme Street, Johannesburg 2001.

    Tel. 0113761000 Email: [email protected]

    @MyANC @MyANC @myanc_ @MyANC

    #GrowSouthAfrica #PeoplesManifesto

    www.anc1912.org.za www.voteanc.org.za

    INTLALO ENGCONO KUBO BONKE ABANTU