ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi€¦ · Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo...
Transcript of ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi€¦ · Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo...
ISig
aba
esiP
haka
thi
IiShe
dyul
i zoM
sebe
nzi
IBakala
6
IISayensi zezeNdalo
AMAGQABANTSHINTSHI Ukumisela umgaqonkqubo kuba namagingxi-gingxi. Yinkqubo yokuqonda nokucacisa ukuba lo mgaqonkqubo uthini kanye kanye kunye neyokubonisana nabantu, nkqubo leyo ethatha ixesha elide. Siye sifunde kule nkqubo ze simana siyitshintsha ngokwezimvo esizifumanayo ukwenzela ukuba le nkqubo ilungele iimeko ngeemeko ezahlukileyo. Into esiyifundileyo kule minyaka ilishumi nangaphezulu idlulileyo kukuba kufuneka sibonisane, simamele ze sifumane isisombululo kwimingeni esijongene nayo. Iishedyuli zomsebenzi zisisiphumo saloo mgaqonkqubo kunye nalo nkqubo ethe yasifundisa izinto ngezinto. Isifundo seLitheresi neseziBalo kwakunye nezinye izifundo zeSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi zizifundo ezibalulekileyo esigxininise kuzo siliSebe lezeMfundo leNtshona Koloni. Sifuna ukuqinisa izikolo zamabanga aphantsi ze sidale amathuba esiseko esomeleleyo ukuze siphucule amathuba abafundi okuphumelela kumakhondo abafuna ukuwalandela. Sikholelwa ukuba esi siseko singaziphucula iziphumo zelitheresi nezesifundo sezibalo, nezinga lokupasa ngokubanzi. UMzantsi Afrika lilizwe elisakhulayo yaye sivile ukuba, kule minyaka yeenkqubo ezichaphazela ihlabathi lonke, amazwe asaxakeke nenkqubo yokuzilinganisa namazwe aphuhlileyo kufuneka evelise izakhono ezifunekayo. Ngoko ko ilizwe elifana neli lethu lingakwazi ukukhuphisana nala mazwe makhulu yaye lingazinza. Into ebalulekilyo kukuba sibe nabafundi abakwaziyo ukufunda, ukubhala kwakunye nabakonwabelayo ukufunda okanye ukuhamba isikolo. Ixabiso lezentlalo lesikolo linokuphuculwa ukuba ngaba iinzame zezikolo zinokukhuliswa. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthathwa njengenxalenye yezixhobo zePhulo, iFoundations for Learning. Zithathwa njengesixhobo sokuxhasa nokunika intsingiselo kweli phulo. Nanjengokuba kukho uluvo lokuba amaphulo zizinto nje ezimana ziphinda-phindwa, iishedyuli zomsebenzi ziza kuba sisixhobo senkxaso eza kunika intsingiselo ekwakhiweni kweziseko zelitheresi kunye nesifundo sezibalo. Lilinge lokubonelela ngezikhokelo kootitshala ngendlela yokufundisa kusuku ngalunye lwesikolo. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthunyelwa ezikolweni ukuze izikolo zinike izimvo okanye iingxelo zazo malunga nazo. Kananjalo ziza kuvavanywa kwizikolo ezithile ezikhethiweyo. La maxwebhu aza kukhutshwa njengesikhokelo ngoJanuwari 2009 yaye kucelwa ukuba izikolo zingenise izimvo zazo ngazo ngoJulayi 2009. Ezi shedyuli zomsebenzi ziza kuvavanywa ezikolweni kwangoJulayi 2009. Zonke izimvo ezingenisiweyo ziya kunceda ekubeni ziphinde zisetyenzwe okanye ziphuhliswe ngakumbi ezi shedyuli zomsebenzi. ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni liziko elisafundayo yaye lizama ngawo onke amaxesha ukuba liyiqonde imeko elingqongileyo. Le nkqubo yokufunda iyaqhubeka ngenxa yento yokuba izinto zisoloko zitshintsha ngokukhawuleza. Xa ke sikuthathela ingqalelo oku, masazi ukuba isimemo sokufumana izimvo kunye nesovavanyo lilinge elibonisa into yokuba siliziko elifundayo ngokuthi siphuhlise amaxwebhu asekelwe kwizimvo zootititshala kwakunye nezabantu abakwamanye amacandelo ahlukileyo kwiphondo lethu. Siyazi ukuba ukusebenza ngendlela efanayo akusebenzi okanye akubi naziqhamo zihle. Siyazi kananjalo ukuba kufuneka simamele, sithethe ze sifumane izisombululo kwimingeni yethu. Uvavanyo lwezi shedyuli ezikolweni kunye nesimemo sokuba nisinike izimvo zenu kuza kusenza ukuba sibonisane, simamele ze sifumane izisombululo njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu.
Gqr. S. Naicker, Umlawuli oyiNtloko: Icandelo loPhuhliso lweKharityhulamu
INkalo yobuNzululwazi ngezeNdalo iSigaba esiPhakathi
IShedyuli yoMsebenzi neSikhokelo sikaTitshala
IShedyuli yoMsebenzi wobuNzululwazi ngezeNdalo kunye neSikhokelo sikaTitshala zizo ezixhasa utitshala ekubeni amisele i-NCS. Eli asiloxwebhu lomgaqo-nkqubo koko ngumthombo wolwazi olungiselelwe ootitshala. IShedyuli yoMsebenzi kunye neSikhokelo sikaTitshala zilandela isicwangciso seveki esifanayo kwibakala ngalinye. IShedyuli yoMsebenzi
• Esi sisikhokelo esimbaxa esinika uluhlu lwemixholo ekunokukhethwa kuyo (iziPhumo zesiFundo kunye noMxholo woLwazi neSigama) kwibakala ngalinye le-4 ukuya kwele-6.
• IShedyuli yoMsebenzi inika isikhokelo somxholo iveki neveki, kunye nokugxilwe kuko kuhlolo.
• Le shedyuli isebenza kuzo zontathu iziPhumo zesiFundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.
• Iquka yonke iMixholo yoLwazi neSigama kwiinkalo ezine zesifundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.
ISikhokelo sikaTitshala
• Isikhokelo sikatitshala sichaza yaye sicacisa isishwankathelo esinikwe kwiShedyuli yoMsebenzi iveki neveki kwibakala ngalinye.
• Sinika izifundo eziziintlobo ezohlukeneyo nezithi zibe yimisebenzi eyohlukeneyo yohlolo oluphathelene neziPhumo zesiFundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.
• Sinika enye ingcaciso ngesigama esiza kufundiswa neendlela eziza kusetyenziswa ukusifundisa.
• Kananjalo ikwanika ingcaciso ngamathuba ohlanganiso phakathi kwamacandelo esifundo sobuNzululwazi ngezeNdalo ngokunjalo naphakathi kweeNkalo zesiFundo ezohlukeneyo.
Indlela yokusebenzisa iShedyuli yoMsebenzi neSikhokelo sikaTitshala Sicebisa ukuba:
• Ootitshala bawasebenzise la maxwebhu ukuncedisa izicwangciso zabo kunye nokongeza oko bakufumana kuluncedo.
• Ootitshala mabayilungelelanise inkqubo ukuze ilungelelane nesantya sokufunda kwabafundi babo.
• Ootitshala mabakhethe oko kufanelekileyo kumxholo wabo kunye noko kunokwenziwa ngokulawulekayo eklasini.
• Ootitshala mabacwangcise inkqubo yabo yohlolo kwangethuba belungiselela ikota nganye ngokwesantya abafundisa ngaso bona.
• Ootitshala kufuneka badibanise umxholo abawufundisayo naphi na xa kuyimfuneko. • Kufuneka ootitshala bajonge uXwebhu loMgaqo-nkqubo weNgxelo
yeKharityhulamu yeSizwe – njengesikhokelo kwiziphumo zesifundo, kwimigangatho yovavanyo kunye nomxholo wolwazi omisiweyo.
IMIBULELO
Sidlulisa umbulelo ongazenzisiyo kootitshala nakumagosa anika iingcebiso ngekharityhulamu athe aqulunqa ishedyuli yomsebenzi belungiselela iSigaba esiPhakathi. Candelo loLawulo: kwiKharityhulamu : GET
INZULULWAZI NGEZENDALO
INQANABA ELIPHAKATHI: IBANGA LESI-6 INKQUBO YOKUHLOLA: IIMISEBENZI YOHLOLO OLUSESIKWENI
Ikota 1 Uhlolo lomsebenzi 1: Iveki ye-10 Ikota 2 Uhlolo lomsebenzi 2: Iveki yama-20 Uhlolo lomsebenzi 3: Iveki yama-21 Ikota 3 Uhlolo lomsebenzi 4: Iveki yama-30 Ikota 4 Uhlolo lomsebenzi 5: Iveki yama-31 Uhlolo lomsebenzi 6: Iveki yama-40
ISIPHUMO SOKUFUNDA 1: INZULULWAZI YOPHANDO 6.1.1 Wenza isicwangiso sophando: unceda ekucaciseni imibuzo egqale kuphando achaze nohlobo lolwazi oluya kufuneka ukuphendula imibuzo. 6.1.2 Wenza uphando ukuqokelela ulwazi: Wenza uvavanyo olulula okanye ukhangela ze
ashicelele imigqaliselo okanye impendulo. 6.1.3 Uhlalutya iinkcukacha ze athethe ngeziphumo: unxulumanisa imigqaliselo kunye
neempendulo kwimibuzo egqalileyo. ISIPHUMO SOKUFUNDA SESI-2: UKWAKHA ULWAZI LOBUNZULULWAZI 6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, uchaza izimo ezahlula olunye udidi
kolunye. 6.2.2 Wahlula ulwazi lube zindindi: wahlula izinto zibe zindindi kunye nezinto eziphilayo ngezinto
ezimbini ezitshintshayo. 6.2.3 Utolika inkcukachai: tolika iinkcukacha ngokufutshane, usebenzisa ezinye iindidi
zeenkcukacha ezikwazezo ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU KUNYE NOKUSINGQONGILEYO 6.3.1 Uza kuqonda inzululwazi nobugcisa ngokwemeko yezembali nolwazi lwemveli: Chaza ukufana kwiingxaki nakwizisombululo ngokunokwazo nakolunye uluntu kwixesha langoku, elamandulo, nakwixesha elizayo. 6.3.2 Uqonda ifuthe lenzululwazi nobugcisa: Ucacisa iindlela ezinokuphucula iinkqubo
zobugcisa nokunciphisa izinto ezingalunganga kokusingqongileyo. 6.3.3 Unakana ukutyekelela kwinzululwazi nobugcisa: Chaza ukuba iimveliso zobugcisa kunye
neenkonzo zingenziwa njani ukuze zifikeleleke kwabo abasabekwe bucala.
- 1 -
ISICWANGCISO SOMSEBENZI SENZULULWAZI NGEZENDALO
IBANGA LESI-6
IKOTA 1: AMANDLA NOTSHINTSHO
Iveki Isiphumo sesifundo
UMGANGATHO WOKUHLOLA NOKUFUNDIOSA OKUNGUNDO TG
1
1-3
o Hlaziya ngokufutshane: o Izakhi zamandla o Iziniki-mandla (ezinokuhlaziywa nezingena kuhlaziywa) o Ukudlulisa mandla (amandla asuka kwindawo enye aye
kwenye indawo. o Iinkqubo zamandla (Indlela ahamba ngayo amandla umz.
inkqubo yendalo, itotshi)
Iveki
1
2
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Umthombo wamandla Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Izakhi zamandla o Amandla agciniweyo o Amandla entshukumo o Iziniki zamandla Isixhobo selanga Ukutya Amanzi ahlayo Amafutha (izibaso) Umoya Izihlunu zezilwanyana Izipringi Iibhetri zombane Amachiza Ilastiki etwezekayo
6.2.2 Wahlula ulwazi lube zindindi: wahlula izinto zibe zindindi kunye nezinto eziphilayo ngezinto ezimbini ezitshintshayo.
Yahlula ngokwendidi iziniki mandla ngezinto ezimbini ezitshintshayo (umz. ezinokuhlaziywa neziniki mandla ezingenako ukuhlaziywa, amandla agciniweyo kunye namandla entshukumo).
6.2.1 Khumbula ngolwazi olunentsingiselo: chaza ngokufutshane iimo ezahlula udidi olunye kolunye udidi.
Chaza iimo zeziniki mandla ezingentla ezahlula udidi olunye kolunye (umz. iziniki mandla ezinokuhlaziywa nengenako ukuhlaziywa)
Iveki
2
- 2 -
3 Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Ukudlulisa amandla kunye nokutshintsha kwinkqubo zamandla. Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Imithombo yamandla agciniweyo: Ibhetri, iseli, ilastiki, kunye namachiza
o Imithombo yamandla entshukumo: umoya, amanzi ahlayo amaza
o Amadla aguqukayo (amandla atshintsha kuhlobo olunye ukuya kolunye.)
6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: uchaza ebuncinane izimo ezahlula udidi olunye kolunye.
Chaza umahluko phakathi kokudlulisa amandla kunye namadla atshintshayo (umz. zoba ze ubhala amanqaku ukubonisa indlela adluliswa ngayo amandla nendlela aguqulwe ngayo kwitotshi.)
Chaza ukuba amandla adluliswe njani kwisiniki mandla esingentla ukuya kwamanye amalungu esixokelelwano (umz. kwisipringi- khupha ukuqina, kumjelo womoya wombane- uvula umsinga wombane.)
Chaza ukuba amandla atshintshwa njani kwimixokelelwano yamandla emibini eyahlukileyo. (umz. enye itshintsha amandla agciniweyo ibe kukukhanya nobushushu- itotshi okanye ikhandlela, enye iguqula amandla agciniweyo abe bushushu nesandi – unomathotholo)
Iveki
3
4 Isiphumo
sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Ukudlulisa amandla kunye notshintsho kwiinkqubo zamandla Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Amandla agciniweyo o Amandla entshukumo o Ukutshintsha kwamandla
• Ukusuka kumandla agciniweyo ukuya kumandla entshukumo umzk; ibhetri indilisa imoto.
• Ukusuka kumandla entshukumo ukuya kumandla agciniweyo. Umzk; ukucinezela isipringi
6.2.1 Ukhumbula ulwazi olinentsingiselo: chaza ngokufutshane izinto ezahlula olunye udidi kolunye.
Usebenzisa le mizekelo ilandelayo igumbi lokuphekela, ifaktri indawo ekwenziwa iimoto, bhala phantsi apho kusetyenziswa khona amandla agciniweyo namandla entshukumo. (yahlula amandla agciniweyo kumandla entshukumo)
Chaza la magama ngokufutshane:
o Ukwanda (ukunyuka ngokomlinganiselo)
o Ukurhwaqela (ukuncipha ngokomlinganiselo)
Iveki 4
- 3 -
Isiphumo sesifundo 1 Uphando lwenzululwazi Isiphumo sesifundo 3 Inzululwazi uluntu kunye nokusingqongileyo
Uphando: Ngaba izinto eziqinileyo, ezilulwelo kunye neegesi ziyanda zirwhaqele xa zitshisiwe naxa zipholile? 6.1.1 Wenza isicwangiso sophando: unceda ekucaciseni imibuzo efuna ukuqwalaselwa yophando achaze nohlobo lolwazi oluza kufuneka ukuphendila imibuzo.
Cacisa umbuzo wogqaliselo ukuphando ukwanda nokurhwaqela/ ukuncipha.
Chaza ulwazi olufunekayo ukphendula umbuzo wogqaliselo. 6.1.2 Wenza uphando ukuqokelele ulwazi: Wenza uvavanyo olulula okanye ukhangela ze arekhode imigqaliselo okanye impendulo.
Yenza uvavanyo olulula Ubushushu kunye nokuphola – ukhozo lwemali kunye
nentunjana, ulwelo olunombala kwibhotile, ifunxa, umoya osebhitileni ogqunywe ngebhaloni.
Rekhoda imigqaliselo: Zoba uze uchaze. 6.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaze iziphumo- enxulumanisi imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo.
Hlalutya inkcukacha Nxulumanisa imigqaliselo kwimibuzo egqalileyo ngokuchaza
ngeziphumo. (cacisa imigqaliselo ngokudluliswa kwamandla, ukurhwaqela kunye nokwanda./ncipha)
6.3.2 Ukuliqonda ifuthe lenzululwazi nobugcisa kokusingqongileyo kunye neempilo zabantu. Abafundi baphanda indlela ekuqwalaselwa ngayo ukurhwaqela nokwanda kwemathiriyeli xa kusakhiwa (izidibanisi zokwandisa kwimizila yeziporo, umgangatho wekhonkrithi, imichankcatho/ iibrorho
5 Isiphumo
sesifundo 3 Inzululwazi uluntu kunye nokusiNgqongileyo
Ukhuseleko lweziniki-mandla eziqhelekileyo. Chaza la magama ngokufutshane
o Isibaso sefosili o Umbane o Amandla enukliya o Iimpawu zobungozi o Iziphumo o Okusingqongileyo o Imibhobho ezintloko yombane o umjikelezo o Iintshukumo ezingakhuselekanga
6.3.1 Uza kuqonda iNZULULWAZI nobugcisa ngokwemeko yezendalo nolwazi wemveli: Chaza ukufana kwiingxaki nakwizisombululo ngokunokwazo nakolunye uluntu kwixesha langoku, eladlulayo, nakwixesha elizayo.
Iveki 5
- 4 -
Chaza okufanayo kwiingxaki zendawo esihlala kuzo
nakwezinye indawo zoluntu kwixesha lakumandulo nakwixesha esiphila kulo xa sisebenza isibaso sefosili (Umz., umlilo, ungcoliseko, nokufumaneka)
Chaza iindlela ezikhuselekileyo zokusebenzisa umlilo, isibaso
sefosili, umbane, njl njl kwindawo yakho nakwezinye iindawo zoluntu ngexesha lakudala nakwixesha esiphila kulo.
6.3.2 Uqonda ifuthe lenzululwazi nobugcisa: Ucacisa iindlela ezinokuphucula iinkqubo zobugcisa ukwenza ncinane izinto ezingalunganga kokusingqongileyo.
Cebisa iindlela zokuphucula iinkqubo zobugcisa (kwigumbi lokuphekela kunye neshishini) ukunciphisa iziphumo ezingalunganga kokusingqongileyo (umz. phepha izinto zemihla ngemihla ezingakhuselekanga, nciphisa ungcoliseko, onga amandla, ukulungiswa kwezinto ziphinde zibe ntsha, iziniki- mandla ezizezinye.)
6 - 7
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi Isiphumo sesifundo 1 Uphando lwenzululwazi
Iindlela zombane Chaza la magma ngokufutshane:
o Iindlela zombane o Amulungu ombane okudibanisa o Ibhalbhu /yelitha (Iiglobhu) o Iimoto o Amacingo okutshisa (Isixhobo sokwenza ubushushu
kwiketile, umsontwana kwibhalbhu yokukhanyisa) o Amancingo ahambisa ubushushu o Amaqhosha ombane o Ibhetri( Iseli yombane)
6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo:, kubuncinane uchaza izimo ezahlula udidi olunye kolunye.
Chaza imisebenzi (into engayenza) zelungu ngalinye lombane elidweliswe ngentla, ukwahlula ilingu lombane kwamanye (sebenzisa umzobo nenqakwana lento nganye.)
Uphando: Yakha umjikelo wombane obandakanya amalungu azakunika ubushushu, ukukhanya kunye namandla esandi wenze nento yokuba into leyo ishukume okanye ihambe. 6.1.1 Ucwangcisa uphando. Banceda ukucacisa imibuzo egqale kuphando kunye nokucacvisa ulwazi oluya kufuneka ukuphendula umbuzo
Cacisa umbuzo wogqaliselo ukuphanda indlela yombane. Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo wogqaliselo
6.1.2 Wenza uphando ukuqokelele ulwazi: Wenza uvavanyo olulula okanye ukhangela ze arekhode imigqaliselo okanye impendulo.
Iveki 6-7
- 5 -
Isiphumo sesifundo 1 Uphando lwenzululwazi Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Yenza iimvamvanyo ezilula: Yakha imijikelezo enamalungu
adweliswe ngentla. Rekhoda imigqaliselo: Zoba imijikelo enelebhile ezicacileyo.
6.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaze iziphumo- unxulumanisi imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo
Hlalutya inkcukacha.
Nxulumanisa imigqaliselo kwimibuzo egqalileyo ngokuthetha ngeziphumo: Chaza ngodluliso lwamandla nokutshintsha kumjikelo ngamnye.
Uphando oluqhubela phambili: Kwenzeka ntoni xa kwangezwe iiseli ezininzi kumjikelo ongentla? Abafundi bayazoba baze bachaze imigqaliselo yabo. 6.2.3 Utolika ulwazi: Tolika ulwazi ngokokufutshane usebenzisa iintlobo ezichaseneyo zolwazi olufanayo.
Abafundi bafundi inkcazelo emfutshane yendlela yombane esele igqityiwe. Bazoba indlela yombane esekelwe kwinkcazelo
Bacacisa udluliso lwamandla neenguquko ngokusebenzisa iilebhile.
8 Isiphumo sesifundo 1 Uphando lwenzululwazi
Amandla esandi Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Isandi senziwe ngezinto ezingcangcazelayo o Imithombo yesandi o Isandi sihambe ngento o Into- eqinileyo, ulwelo, igesi o Ngcangcazela- ngokukhawuleza, ngokucotha o Iqondo- lezandi eziphezulu nezisezantsi/ iinowuthi o Ubungakanani bengxolo – isandi esizolileyo nesingxolayo
Uphando: Zenziwe njani izandi? 6.1.1 Wenza isicwangiso sophando: unceda ukucacisa imibuzo egqale kuphando kunye nokuchaza ulwazi oluya kufuneka ukuphendula umbuzo
Cacisa umbuzo ogqale kuphando usixelele ukuba zenziwa njani izandi, usebenzisa imathiriyeli ezahlukileyo.
Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo ogqalileyo
6.1.2 Wenza uphando ukuqokelele ulwazi: Wenza uvavanyo olulula okanye ukhangela ze arekhode imigqaliselo okanye impendulo.
Iveki
8
- 6 -
Yenza iimvavanyo ezilula: yenza isandi ngeendlela
ezahlukileyo ngezinto ezingcangcazelayo (umz. irula kuhlangothi lwetafile, ilastiki, umoya uphephezela ngaphandle webhaloni, iminwe ecaleni kwebhokisi yelizwi njl njl)
Rekhoda imigqaliselo: Chaza abakugqalileyo kulingo ngalunye Chaza izandi ezahlukileyo ezenziwa ngamagubu, ngokutswina,
ngokukhala kwentsimbi njl njl 6.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaze iziphumo- enxulumanisi imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo
Hlalutya inkcukacha Unxulumanisa imigqaliselo kwimibuzo egqalileyo ngokuthetha
ngeziphumo: (umz. ngaba naziphi na zezi zinto zikhupha isandi na xa zingangcangcazeliyo? Ngalo lonke ixesha into ingcangcazela ikhupha isandi njl njl)
Uphando olusaqhubela phambili:
Isandi siyakwazi ukuhamba ngezinto eziqinileyo, ezilulwelo kunye neegesi?
Isandi esihamba ngeegesi (umoya): Chaza sifikelela njani
isandi ezindlebeni zakho esivela kwinto engcangcazelayo
Isandi esihamba ngezinto eziqinileyo: umz. vala iindlebe zakho ngesandla unkqonkqoze engqinibeni.
Isandi esihamba ngolwelo: umzk unxibelelwano lomnenga. Uphando: Iqondo (eliphezulu, nelisezantsi) lesandi linxulumana njani kwizinga elikhawulezayo lokungcangcazela. 6.1.1 Wenza isicwangiso sophando: unceda ekucaciseni imibuzo efuna ukuqwalaselwa yophando achaze nohlobo lolwazi oluza kufuneka ukuphendula imibuzo.
Cacisa umbuzo wogqaliselo ukuphanda ukuba amaqondo akhutshwa abe phezulu nasezantsi kangakanani.
Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo ogqalileyo
6.1.2 Wenza uphando ukuqokelele ulwazi: Wenza uvavanyo olulula okanye ukhangela ze ashicelele imigqaliselo okanye impendulo.
Yenza iimvavanyo ezilula:
o Ngcangcazelisa ubude obahlukileyo berula ekwihlangothi letafile.
o Ngcangcazelisa into eqinileyo kunye nelastiki engaqinanga.o Ngcangcazelisa iglasi zewayini okanye ibhotile enamanz
amaninzi okanye amancinci. Shicelela imigqaliselo. Ngokwenza itheyibhile.
- 7 -
6.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaze iziphumo- unxulumanisi imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo
Hlalutya inkcukacha.
Nxulumanisa imigqaliselo kwimibuzo yogqaliso ngokuthetha ngeziphumo: bhala umhlathi ukucacisa unxulumano phakathi kwezandi eziphezulu nezisezantsi ezingcangcazela ngaso izinto.
9
1-3
Iingcebiso zokubethelela okufundiweyo
o Imithombo yamandla; yenza ipowusta enezihloko, iilebhile kunye namanqaku ukubonisa umz. imithombo yamandla enokuhlaziywa kunye naleyo engenako ukuhlaziywa., imithombo yamandla agciniweyo kunye nashukumayo
o Izakhi zamandla: yenza ipowusta enezihloko, iilebhile,
kunye namanqaku ukubonisa imithombo yamandla ahlayiweyo nangahlaziywanga; imithombo yamandla angakasetyenziswa nawentshukumo.
o Ukutshintsha kwamandla: yenza ipowusta enezihloko,
iilebhile, kunye namanqaku eendlela ezahlukeneyo zamandla ukubonisa iindidi ezahlukeneyo zamandla entshukumo nagciniweyo.
o Iinguqu zamandla: qokelela oomashini kunye nezinto
ezizisa ukutshintsha kwamandla; Chaza ngotshintsho lwamandla olwenzekayo kumashini ngamnye.
o Ukhuseleko lwamandla: Yenza uphando ekhaya ukuze
ukwazi ukufumana indlela yokusetyenziswa kwamandla ngokukhuselekileyo nangokungakhuselekanga ekhayeni lakho. Bonisa ngokuzoba nangokubhala ingxelo ucebise ngophuculo lokhuseleko ekhaya.
o Iindlela zombane: Fumana iindlela zokuza kombane
kwizitishi zamandla usiya emakhayeni ethu, nokuthi uphinde ubuyela kwisitishi samandla. Cacisa oku ngokuzoba nangokubhala.
Iveki
9
10
UHLOLO OLUSESIKWENI UMSEBENZI 1
Iveki 10
- 8 -
ISICWANGCISO SESIFUNDO SENZULULWAZI NGEZENDALO
IBANGA LESI-6
IKOTA 2: IMATHA KUNYE NEMATHIRIYELI
IVEKI Isiphumo sesifundo
UMGANGATHO WOKUHLOLA KUNYE NOKUFUNDISA OKUNGUNDOQO
TG
11
1-3
Hlaziya ngokufutshane:
o Iimathiriyeli neempawu zazo o Izinto/ ukutshintsha kwimixube o Inkqu-nto o Iimathiriyeli (Umahluko phakathi kwento kunye
neemathiriyeli)
Iveki 11
12
Isiphumo sesifundo 1 Uphando lwenzululwazi
Iimpawu zeemathiriyeli (Ukurusa, Ubutsalane, Uhanjiso lombane kunye neteyiphu yokugquma, ukuhanjiswa kobushushu nokugqunywa kobushushu, unyibiliko) Chaza la magama ngokufutshane:
o Ukurusa o Ubutsalane o Uhanjiso lombane neteyiphu yokugquma o Ukuhanjiswa kobushushu o Ukunyibilika o Imathiriyeli edityanisiweyo (Iimathiriyeli ezimbini
nangaphezulu ezidityanisiweyo okanye ezinyibilikiswe kunye)
6.1.1 Abafundi banceda ukucacisa imibuzo egqale kuphando nokucacisa ulwazi oluya kufuneka ukuphendula umbuzo.
Nikezela ngegalelo ngento eyaziwayo ngeempawu zentsimbi, ubuchule bokubumba/ amadongwe atshisiweyo kunye neplastiki (umz. ukurusa, ubutsalane, uhanjiso lombane iteyiphu yokugquma, uhanjiso lobushushu nokugqunywa kobushushu kunye nokunyibilika.
Cacisa imibuzo egqalileyo ukuphanda ezi mpawu.
Imizekelo yemibuzo: Zingarusa na iintsimbi amadongwe atshisiweyo
kunye neeplastiki xa unokuthi uzifakwe emanzini? Ngaba zonke iintsimbi ziyarusa? Ngaba iintsimbi, amadongwe atshisiweyo kunye
neeplastiki ziyatsaleka na kwizitsalane? Ngaba iintsimbi, amadongwe atshisiweyo kunye
neeplastiki zinako na ukuhambisa umbane okanye zinako.
Ngaba iintsimbi, amadongwe atshisiweyo kunye neeplastiki zinako na ukuhanbisa ubushushu okanye azinako.
Ngaba iintsimbi, amadongwe kunye neeplastiki zinganako na ukunyibilika emanzini okanye kwezinye izinyibilikisi
Iveki
12- 13
- 9 -
Isiphumo sesifundo 2 Ulwakhiwo loLwazi
Abafundi bayachaza ukuba loluphi ulwazi olufunekayo phambi
kokuba uphando lube nokwenziwa. 6.1.2 Abafundi benza iimvamvanyo ezilula okanye amaphando baze barekhode imigqaliselo okanye iimpendulo.
Abafundi bavavanya iintsimbi, amadongwe atshisiweyo kunye neeplastiki bejonga ukurusa, ubutsalane, ukuhanjiswa kobushushu kunye nokugqunywa kobushushu, ukuhanjiswa kobushushu nkugqunywa kobushushu.
Barekhoda ulwazi kwitheyibhile bethelekisa iintsimbi,
amadongwe atshisiweyo kunye neeplastiki. 6.1.3 Abafundi banxulumanisa imigqaliselo kunye neempmendulo kwimibuzo egqalileyo.
Abafundi banika ingxelo (ngokubonisa nangokuthetha) ngento abayifundileyo kuphando kwanokuba ngaba iimibuzo yophando phenduliwe na.
6.2.2 Umfundi uhlela izinto neziphilayo ngeendlela ezimbini
Hlela iintsimbi, iseramikhi neplastiki ngokuhambelana nezi mpawu zingasentla.
14
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Izimo zezinto 6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: ebuncinaneni, uchaza izimo ezahlula olunye udidi kolunye Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Amandla atsaliweyo o Amandla akhutshiweyo o Ukuba ngumphunga
Chaza iimo ezahlula into eqinileyo, ulwelo kunye negesi
kwenye/enye kwenye (umz. bhekisela kwizithuba phakathi kwamasuntswana, kumandla atshukamayo amasuntswana, amandla phakathi kwamasuntswana- sebenzisa umfuziselo wesuntswana lento).
Chaza into eyenzekayo xa izinto ziguqula imo nje ngoko
amandla etsaleka/ okanye efumaneka okanye ekhutshwa okanye elahlekile (isithuba esingaphezulu okanye esincinane phakathi kwezinto, intshukumo engaphezulu okanye encinane yezinto, intshukumo engaphezulu okanye encinane yezinto, amandla awomeleleyo okanye anobuthathaka phakathi kwezinto.
Iveki 14
- 10 -
Isiphumo sesifundo 3 Inzululwazi, uluntu kunye nokusingqongileyo
6.3.1 Uza kuqonda iNZULULWAZI nobugcisa ngokwemeko yezendalo nolwazi emveli: Chaza ukufana kwiingxaki nakwizisombululo ngokunokwazo nakolunye uluntu kwixesha langoku, eladlulayo, nakwixesha elizayo.
Chaza zinjani iimo ezahlukileyo zezinto nebezisetyenziswa ukusombulula iingxaki (umz. I-enjini yomphunga yesithuthi, iphiko lamanzi lokupompa amanzi, umbane otsalwa emanzini umatshini womsinga wokwenza umbane)
15
Isiphumo sesifundo 1 Uphando lobunzululwazi
Imo yenguquguquko esigxina okanye eyexeshana. 6.1.1 Ucwangcisa uphando:Unceda ukucacisa imibuzo egqale kuphando nokucacisa ulwazi oluya kufuneka ukuphendula umbuzo Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Ukunyibilika/ Ukuqinisa o Uguquko olusisigxina o Uguquko olungesosigxina
Chaza umbuzo ogqalileyo wophando umz. Ngaba izinto
ziguquguquka kwizinto nakwimathiriyeli ezisisigxina okanye ezingesosigxina? (Ukutshisa kunye nokupholisa itshokoleti, iqanda, ijeli, ifetshu kunye neepani-keyiki njl njl)
Chaza (ngokwenza umzobo kunye nokubhala) ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo ogqalileyo.
6.1.2 Wenza uphando aqokelele nenkcukacha- wenza imvamvanyo okanye uphando arekhode imigqaliselo okanye iimpendulo.
Uhlalutya inkcukacha aze axele iziphumo enze itheyibhile ukudwelisa izinto ezineenguquko ezisigxina nenguquko zethutyana.
Uchaza umahluko phakathi kwenguquko esisigxina kunye nenguquko yethutyana.
Iveki 15
16
Isiphumo sesifundo1 UPhando lwenzululwazi
Untlalutyiso (Ukubuyela kwetyuwa ekuqineni kumxube wamanzi anetyuwa. Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo
o Into o Ukujiya o Ukwenzeka komphunga o Isahlukaniso o Ukuqinisa o Ucoco-manzi o Untlalutyiso
6.1.1 Ucwangcisa uphando: Unceda ukucacisa imibuzo egqale kuphando nokucacisa ulwazi oluya kufuneka ukuphendula umbuzo.
Iveki 16
- 11 -
Ucacisa umbuzo ogqalileyo ukuqala uphando ngontlalutyiso
lwezinto (umz. ityuwa emanzini) Umz. Siyibusela njani ityuwa kumanzini anetyuwa. Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo ogqalileyo.
6.1.2 Wenza uphando aqokelele nenkcukacha- wenza imvamvanyo okanye uphando arekhode imigqaliselo okanye iimpendulo.
Hlola iindlela ezahlukileyo zokwahlula umxube (umz. umxube wetyuwa) Zama ukufincelela, ukuhluza, ukubilisa ukuze amanzi abe ngumphunga kunye nokuntlalutyisa ityuwa.
Rhekhoda (bhalaze uzobe) okubonileyo 6.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaze iziphumo- unxulumanisi imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo
Nxulumanisa imigqaliselo kwimibuzo egqalileyo ngokuthetha ngeziphumo
Nika ingxelo ngokubhala malunga ngeyona ndela yokuphinda ufumane into enyibilikayo kumxube.
17 -
18
Isifundo sesiphumo 1 Uphando lwenzululwazi
Amaqondo okubila ezinto ezahlukileyo ezilulwelo: Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Iqondo lokubila o Iqondo lokunyibilika o Ithemometha o Ii-yunithi zokulinganisa o iqondo lokubila (oc)
6.1.1 Wenza isicwangiso sophando: unceda ekucaciseni imibuzo egqale kuphando achaze nohlobo lolwazi oluya kufuneka ukuphendula imibuzo.
Cacisa umbuzo ogqalileyo ukuqala uphando kumaqondo okubila elwelo ezahlukileyo. ( Umz. ikhokhakhola, ijusi yeorenji, ienejeyidi, amanzi aneswekile kunye namanzi anetyuwa njl njl)
Imizekelo yemibuzo
Kuthatha ixesha elingakanani ukuze ulwelo lufikelele kwiqondo lokubila? (linganisa ixesha)
Iulwelo olahlukileyo lunawo kusini na amaqondo
okubila awohlukileyo. (Linganisa iqondo lobushushu ngemizuzu nganye emihlanu yolwelo ngalunye ze wenza nothelekiso)
Lulwelo olwahlukileyo ngaba lubila kwiqondo
eliphezule okanye elisezantsi kunamanzi? (Linganisa iqondo lobushushu ngemizuzu nganye emihlanu yolwelo ngalunye kunye namanzi ukuze emva koko uzithelekise)
Iveki 17 - 18
- 12 -
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi Isiphumo Sesifundo 3 INzuluwazi uluntu kunye nokusingqongileyo
Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo
ogqalileyo.
6.1.2 Wenza uphando aqokelele nenkcukacha- wenza imvamvanyo okanye uphando arekhode imigqaliselo okanye iimpendulo.
Tshisa ulwelo lo gama uthatha iqondo lobushushu ukuze wenze imigqaliselo ngemizuzu nganye emihlanu de ifike kwiqondo lobushushu.
Rekhoda imigqaliselo ngokwenza amanqaku uze urekhode iqondo lobushushu kwisithuba semizuzu emihlanu.
6.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaze iziphumo- unxulumanisi imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo.
Zoba iigrafu Nxululmanisa imigqaliselo kwimibuzo egqalileyo: Ingaba
iziphumo (zogqaliselo nezifundo zeqondo lobushushu) zikunika iimpendulo kumbuzo ogqalileyo? Xoxa ngento efundiweyo kuphando)
Inkqubela phambili yophando: Uphando ngamaqondo okunyibilika
Yila uphando ukufumana ngento eyenzekayo xa into eqinileyo inyibilika (umkhenkce, ijusi engumkhenkce, ikhokhakhola engumkhenkce, iayiskrimu, obhotolo, okanye imajarina, itshokoleti enyibilikileyo njl njl) yenza imigqaliselo, imilinganiselo yeqondo lobushushu ngamathuba athile uze uzobe iigrafu.
Bhala ingxelo enoku kulandelayo: Imibuzo egqalileyo Iziphumo (Imigqaliselo kunye nemilinganiselo) IIgrafu Umbuzo ogqalileyo Indlela Into efundiweyo ngamaqondo okunyibilika ezinto
ezahlukileyo.
6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinaneni, uchaza iimo ezahlula olunye udidi kolunye
Fumana ulwazi ngamaqondo okubila nawokunyibilika ezinto ezahlukileyo (umz. ityuwa, iswekile, ikopolo, igolide, ilothe,umkhenkce owomileyo (initrojeni) amanzi, imekyuri njl njl,)
6.3.3 Nakana ukutyekelela kwinzululwazi nobugcisa: Chaza ukuba iimveliso zobugcisa kunye neenkonzo zingenziwa njani ukuze zifikeleleke kwabo abasabekwe bucala.
Fumana, ingxelo unikezele ulwazi ngokumalunga nendlela ebanceda ngayo abantu ifriji. (Umz. zintoni ezinye zeengxaki (impilo, namaxabiso okutya njl njl.) izinto abahlangabezana nazo abantu xa bengenazo iifriji? Zeziphi ezinye iindlela abazisebenizisayo ukugcina ukutya kubanda?
- 13 -
19
2-3
Iingcebiso zokubethelela okufundiweyo
Iimpawu: Fumana (bhala uchaze) ngendlela abakukhusela ngayo abantu ukurusa kwaye kutheni oko kubalulekile.
Iimo zeZinto: Izinto zokhuseleko xa usebenzisa igesi
yokupheka endlini. Bhala imithetho yokhuseleko
Utshintsho lwezinto ezisisigxina nezethutyana: Bonisa uxele ukuba kwenzeka njani ukutshintshwa kwezinto
ezisisigxina okanye ezethutyana kwizinto ezisetyenziswa kubomi bemihla ngemihla ngokutshisa okanye ngokubandisa.
Untlalutyiso: Khulisa iswekile okanye Iikristale zealuminiyum kwimixube eyaneleyo.
Amaqondo okubila: Uphando (Bhala wenze umzobo)
lubaluleke njani iqondo lokubila legolide kwishishini legolide.
Iveki 19
20
1
Uhlolo olusesikweni Umsebenzi 2
Iveki 20
21
2-3 Uhlolo olusesikweni Umsebenzi 3
Iveki 21
- 14 -
ISICWANGCISO SOMSEBENZI SENZULULWAZI NGEZENDALO
IBANGA LESI-6
IKOTA 3: UBOMI KUNYE NOKUPHILA
IVEKI Isiphumo sesifundo
UMGANGATHO WOKUHLOLA KUNYE NOKUFUNDISA OKUNGUNDOQO
TG
21
1-3
Hlaziya ngokufutshane
o Iinkqubo zobomi o Iintlobo ngeentlobo zendalo, utshintsho kwindalo,
ukuqhubeka o Intsebenziswano kokusingqongileyo, ifotosinthesis o Inkqubo yendalo, Ikhaya lezilwanyana, nezityalo, izinto
eziphilileyo, ikhonkco lokutya.
Iveki 21
22
Isiphumo sesifundo 2
Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Isiphumo sesifundo 3 Inzululwaziuluntu kunye nokusingqongileyo
Amaqela okutya athi andise ukuphila okusempilweni. 6.2.2 Abafundi bohlula hlula ngokodidi izinto nezinto eziphilayo ngezinto ezimbini eziguquguqukayo Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Iphiramidi yokutya o Amaqela okutya o Izongezo o Iinkonzo: Iikliniki, iigadi/iintsimi zemifuno zasekuhlaleni.
Yahlula ukutya ngokweendidi- iiprotheni, isakha mzimba esinika amandla, amafutha, ii-oyile, ivithamini kunye neeminerali ngezinto ezimbini ezitshintshayo (umz. okusempilweni, nokungekho mpilweni)
6.2.3 Tolika ulwazi: Kubuncinane tolika ulwazi tolika ulwazi ngokusebenzisa iindlela ezizezinye kulwazi olunye
Tolika ulwazi kwiileyibhile ukulungiselela idayethi yomntwana enempilo.
6.3.3 Nakana ukutyekelela kwinzululwazi nobugcisa: Chaza ukuba iimveliso zobugcisa kunye neenkonzo zingenziwa njani ukuze zifikeleleke kwabo abasabekwe bucala
Khawucebise ukuba iimveliso zobugcisa zingenziwa njani ukuze zifikeleleke kubantu abanesifo seNtsholongwane kaGawulayo (umz. aba banikezela ngezipho)
Iveki 22
23
Isiphumo sesifundo 1 Uphando lwenzululwazi
Uphahla lomzimba 6.1.1 Wenza isicwangiso sophando: unceda ekucaciseni imibuzo egqale kuphando achaze nohlobo lolwazi oluya kufuneka ukuphendula imibuzo.
Iveki 23
- 15 -
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Izihlunu o Iintlobo zezihlunu o Imixokelelwano umz. umsipha o Uphahla langaphakathi (olwaziwa njenge-endo-skeleton) o Uphahla lwangaphandle (olwaziwa njenge-exo-skeleton) o Izilwanyana ezanyisayo
Cacisa ngombuzo ogqale kuphando ngamaphahla omzimba Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo ogqalileyo
6.1.2 Wenza uphando aqokelele nenkcukacha- wenza imvavanyo okanye uphando arekhode imigqaliselo okanye iimpendulo.
Yenza uphando olulula ngamabala esikolo. Rekhoda imigqaliselo
6.1.3 Uhlalutya inkcukacha zolwazi aze achaze iziphumo- Unxulumanisi imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo.
Hlalutya inkcukacha zolwazi. Nxulumanisa imigqaliselo kwimibuzo egqalileyo ngokuchaza
ngeziphumo. 6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, uchaza iimo ezahlula olunye udidi kolunye
Chaza imbonakalo ezahlukileyo zamaphahla omzimba kwizilwanyana kunye nezihlunu ezidala intshukumo ezithi zahlule udidi olunye kolunye.
6.2.3 Utolika ulwazi: Tolika ulwazi ngokokufutshane usebenzisa iintlobo ezizezinye zolwazi olunye.
Tolika imizobo yamaphahla amabini omzimba kunye nezihlunu ngokuthi uchaze izinto ezahluke ngazo
24 Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Ifotosintesisi Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Ukuxhomekeka kumandla elanga o Intsebenziswano kokusiNgqongileyo o Indawo yokuhlala o Ukusinda/ukuphila o Ukuba zintlobo ngeentlobo
6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinaneni, uchaza iimo ezahlula ngokuqaqambileyo olunye udidi kolunye
Chaza amanqanaba efotosintesisi kumaxesha osuku awohlukileyo (umz. ukukhutshwa kwe ooksijini ngamandla angaphezulu elitha lelanga)
Iveki 24
- 16 -
Ukutshintsha kwezityalo 6.2.2 Yahlula ulwazi: ukwahlula izinto neziphilayo ngeyantlukwano ezimbini
Yahlula ngokwendidi izimo zesityalo esitsha nesingunozala ngeyantlukwano ezibini (Izinto ezifana ngazo nezahluke ngazo)
25-26
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lubunzululwazi
Isixokelelwano sendalo 6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, uchaza iimo ezahlula olunye udidi kolunye Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Ukuchuma o Iinkqubo zendalo o Izinto o Gcina o Ukwanda/Ukukhula o Ukuzinza o Ukuxhomekeka kumandla elitha lelanga o Unxibelelwano kokusiNgqongileyo o Indawo yokuhlala o Ukusinda/ukuphlia o Ukuba zintlobo ngeentlobo
Chaza indlela ezixhomekeke ngayo izityalo kunye
nezilwanyana kwizinto ezingaphiliyo (umz. amanzi, umhlaba, izityalo ezifileyo nakwezinye izilwanyana)
Thelekisa uhlobo olunye lwesilwanyana okanye lwesityalo
kunye nolunye uhlobo (umz. ezihlala emhlabeni kunye nezasemanzini)
6.2.3 Utolika ulwazi: Kubuncinane tolika ulwazi ngokokufutshane usebenzisa iintlobo ezichaseneyo zolwazi olufanayo
Fumana ulwazi ngeendawo ezisingqongileyo ezahlukileyo ezizinzileyo okanye ezingenakukumeleka (umz. tolika iimifanekiso) Chaza imbonakalo zazo
Iveki 25 - 26
27
Isiphumo sesifundo2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Indawo yokuhlala Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Indawo yokuhlala o Ipateni zentlalo: ukuhlala wedwa, ngababini,
ngokwamaqela, ngokwemihlambi, ngokwamaqela, ngokweekoloni
o Iintlobo 6.2.3 Utolika ulwazi: Kubuncinane tolika ulwazi ngokokufutshane usebenzisa iintlobo ezichaseneyo zolwazi olufana
Iveki 27
- 17 -
Thelekisa iyantlukwano nokufana kweentlobo ezimbini
zezilwanyana ubhekisele kwipatheni zazo zokuhlala. (umz. ukuhlala ngokwamaqela)
28
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lwenzululwazi Okuqulathwe kunye namandla kunye nenguqu
Ityathanga lokutya 6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, uchaza iimo ezahlula olunye udidi kolunye Chaza la magama gokufutshane:
o Unxibelelwano o Izivelisi (zityalo) o Abasebenzisi abaphambili bezinto (Izilwanyana ezitya
utyani) o Abasebenzisi abangenabo abaphambili (izidla-nyama
nezidla konke) o Abasebenzisi abakwibanga eliphezulu (abuntu) o Ezibolileyo
Chaza iimo (umz. iindlela zonxibelelwano) yezityalo kunye
nezilwanyana kwinkqubo yendalo ngokujolise kudluliso lwamandla.
6.2.2 Abafundi bohlula hlula ngokodidi izinto nezinto eziphilayo ngezinto ezimbini eziguquguqukayo
Yahlula izilwanyana ngokodidi kwikhonkco lokutya ngokutshintsha kabini (abasebenzisi abaphambili nabakwinqanaba elingaphantsi.
6.2.3 Utolika ulwazi: Kubuncinane tolika ulwazi ngokokufutshane usebenzisa iintlobo ezichaseneyo zolwazi olufana
Guqula ityathanga lokutya kube ngmatyathanga okutya amaninizi, uze uphinde ukuguqule kube yiphiramidi yokutya kwisixokelelwano sendalo.
Iveki 28
29
Isiphumo sesifundo 1 Uphando lwenzululwazi
Phanda ngetyathanga lokutya kwibala lesikolo sakho 6.1.1 Wenza isicwangiso sophando: unceda ekucaciseni imibuzo egqale kuphando achaze nohlobo lolwazi oluya kufuneka ukuphendula umbuzo
Cacisa umbuzo ogqalileyo ukuze uqale uphando ngekhonkco lokutya kumabala esikolo
Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo ogqalileyo. 6.1.2 Wenza uphando aqokelele nenkcukacha- wenza imvavanyo okanye uphando arekhode imigqaliselo okanye iimpendulo
Yenza iimvamvanyo ezilula Rekhoda imigqaliselo
Iveki 29
- 18 -
6.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaze iziphumo- unxulumanisi imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo
Hlalutya inkcukacha. Nxulumanisa imigqaliselo kumbuzo ogqalileyo.
30
1-3 Iingcebiso zokubethelela okufundiweyo:
o Amaqela okutya: “Bonisa uze usixelele” malunga nokutya okuvela kwiresiphi uze ucacise ngamaqela okutya asetyenziswe kwiresiphi
o Uphahla lomzimba: Yenza ingoma erephayo malunga namathambo kuphahla lomzimba lomntu
o Ifototosinthesisi: Zoba uze ulebhelishe umzobo ukubonisa ifotosintesisi. Bhala ukucacisa indlela isinceda ngayo ifotosintesisi.
o Isixokelelo sendalo: Zoba uze ubhale malunga ngenkqubo yendalo ebummelwaneni bakho. Bonisa ikhonkco lokutya kunye neendawo zokuhlala ezahlukileyo kwinkqubo yendalo.
UHLOLO OLUSESIKWENI UMSEBENZI 4
Iveki 30
- 19 -
ISICWANGCISO SESIFUNDO SENZULULWAZI NGEZENDALO
IBANGA LESI-6
IKOTA 4: IPLANETHI ENGUMHLABA NAGAPHAYA
IVEKI Isiphumo sesifundo
UMGANGATHO WOKUHLOLA KUNYE NOKUFUNDISA OKUNGUNDOQO
TG
31
1-3
UHLOLO OLUSESIKWENI UMSEBENZI 5
Iveki 31
32 Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lwenzululwazi
Hlaziya ngokufutshane:
o Ubusuku kunye nemini o INyanga o Izulu nobume bezulu o Amaxesha onyaka: Ihlobo, Ukwindla, Ubusika, Intlakohlaza o Iigesi: Umphunga wamanzi, iNitrojini, ioksijini/umongo-
moya, Umoya ongcolileyo o Ukushiyeka kwamasuntswana amatye o Iimeko zamanzi: aqinileyo, alulwelo, ayigesi o Umjikelo wamanzi o Iigesi zendlu yokukhulisela izityalo kunye nokusebenza
kwazo kwiqondo lobushushu lwe -atmosfera. o Ubushushu belizwe jikelele nokusebenza kwabo
kwimozulu o Ukuphila okumelekayo (ukufumana amanzi, umhlaba,
amandla kunye nomoya)
Iveki 32
33
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lwenzululwazi
Iinkwenkwezi 6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, uchaza iimo ezahlula olunye udidi kolunye
Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo: o Inqumba yeenkwenkwezi o Ilanga nezijikelezi zalo o Ilanga o Indawo enxulumanayo yeLanga, INyanga, uMhlaba, kunye
neenkwenkwezi njl njl. o Unxulumano lwentshukumo yelanga, INyanga, UMhlaba,
kunye neenkwenkwezi njl njl o Ipatheni zenkwenkwezi kwisinkwenkwezi o Iplanethi o Iinkwenkwezi
Chaza iimpawu zenkwenkwezi (umz. Ilanga lethu likhupha imitha yokukhanya; ukuzala, ubomi kunye nokufa kweenkwenkwezi njl njl)
Chaza izimo zeepateni zeenkwenkwezi ezahlukileyo (umz. iSinkwenkwezi seSouthern Cross , iSinkwenkwezi seScorpio njl njl)
Iveki 33
- 20 -
Chaza izimo (iindawo kwisibhakabhaka kunye neentshukumo
yeepateni yenkwenkwezi (isinkwenkwezi) kumaxesha ahlukileyo asebusuku kunye nendlela ezinxulumana ngazo kwezinye (umz. iinkwenkwezi zihlala kwindawo enye, uMhlaba uyajikeleza ngoko ke, iipateni zeenkwenkwezi ezahlukileyo ziyabonakala.
34 Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi
Amatye/Amawa 6.2.1 Umfundi, ebuncinaneni, uchaza izimo ezahlula udidi olunye lwento kwenye into.
Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Amatye avela kwintabamlilo. o Amatye enziwe ngentlenga o Amatye aguquka-imilo o Ujikelezo lwamatye
Chaza (Zoba uze ubhale amanqaku) ngomjikelo welitye. Chaza imvelaphi (indlela enziwe ngayo kuqweqwe lomhlaba)
yamatye kwintabamlilo, amatye enziwe ngentlenga, kunye namatye aguquka-imilo.
6.2.1 Ebuncinaneni, uchaza izimo ezahlula udidi olunye lwento kwenye into.
Chaza uze wahlule (xela ngokwahlukeneyo) ukuba udidi olunye lwamatye lohluke njani kolunye (umz. oluntabamlilo (ilitye elilula elidadayo elifana nemfunxa kunye nenyengane njl njl), ilitye elenziwe nentlenga (ilitye lentlabathi, elitye elinkumnkum. Ilitye lekalika, ilahle njl njl) amatye aguquguquka imilo (isileyiti kunye nelitye eligudisiweyo njl njl)
6.2.2 Yahlula hlula ulwazi ngokwendidi: yohlula hlula ngokwendidi izinto kunye nezinto eziphilayo ngeendlela ezimbini
Yahlula amatye abe zindidi, ngokwamatye antabamlilo, amatye enziwe ngentlenga, kunye namatye namatye aguquka imilo.
Chaza ubuncinane, izimo ezimbini zodidi ngalunye lohlobo
lwelitye 6.2.3 Umfundi, ebuncinaneni, utolika ulwazi ngokuthi asebenzise iindlela ezizezinye zolwazi olufanayo.
Phanda (funda) ukufumana ulwazi oluphambili malunga namatye uze wakhe ugqibezele itheyibhile yokuthelekisa.
Iveki 34
- 21 -
35 Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lobunzululwazi Isiphumo sesifundo 3 Inzululwazi, uluntu kunye nokusingqongileyo
Umhlaba 6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: kubuncinaneni, uchaza iimo ezahlula olunye udidi kolunye Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Amatye aqhelekileyo o Amasuntswana omhlaba (Udongwe, intlenga yomhlaba,
kunye nentlabathi o Ubungakanani besuntswana lodongwe intlenga yomhlaba
kunye nentlabathi o Imathiriyeli yemvelo ebolileyo o Intsholongwane o Ubume bento – uburhabaxa okanye ukuguda o Ubunzima o Ukugcina amanzi o Ukuxhasa ukwanda/ukukhula o Unikezelo lokutya
Yahlula phakathi kweendidi zomhlaba (umz. umhlaba
ovunduvundu, umhlaba obuntlabathi kunye nomhlaba wodongwe)
Chaza iimpawu zeesampulu zomhlaba. 6.2.3 Utolika ulwazi: Tolika ulwazi ngokokufutshane usebenzisa iintlobo ezichaseneyo zolwazi olufana.
Yenza umzobo onelebhile kunye namanqaku ukubonisa indlela ekwenzeka ngayo umhlaba ngeenkqubo zendalo.
6.3.3 Ukubona ukuthambekela kwinzululwazi netekhnoloji: cebisa indlela iimveliso zetekhnoloji kunye neekonzo ezinakho ukunikezela ilungelo kwabo babengabandakanywa
Cebisa ngeendlela (yenza uphando uze ubhale) iimveliso zobugcisa zingawuphucula njani umgangathowomhlaba ongachumiyo khon’ukuze ukwazi ukukhulisa izilimo.
Iveki 35
36
Isiphumo sesifundo 1 Uphando lobunzululwazi
Iimpawu zomhlaba
6.1.1 Wenza isicwangiso sophando: unceda ekucaciseni imibuzo egqale kuphando achaze nohlobo lolwazi oluya kufuneka ukuphendula.
Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o Umhlaba o uburhabaxa o Ubungakanani o Umhlaba ochumisayo o Ukutsalwa kobushushu o Ukukhupha imitha yobushushu
Iveki 36
- 22 -
o Iiyunithi zokulinganisela iqondo lobushushu, ubunzima,
ubungakanani kunye umthamo. o Ukuzinza komhlaba
Cacisa umbuzo ogqalileyo ukuqala uphando ngeempawu
zomhlaba Chaza ulwazi olufunekayo ukuphendula umbuzo ogqalileyo.
Iimizekelo yemiBuzo:
Yintoni ulwalamano lwentlabathi, udongwe, intlenga yomhlaba kunye nombolo kwimihlaba eyahlukileyo?
Iimihlaba eyahlukileyo igcina amanzi angakanani? Imihlaba eyahlukileyo itsala ize ikhuphe ubushushu
obungakanani? Ngaba imihlaba eyahlukileyo iyakwazi ukugcina
ubunzina obufanayo? Buxhomekeke entweni ubunzima bayo?
Nguwuphi umxube ongowona ungcono womhlaba wokukhulisa izityalo?
6.1.2 Wenza uphando aqokelele nenkcukacha- wenza imvavanyo okanye uphando arekhode imigqaliselo okanye iimpendulo.
Yenza uphando ngokulungisa izixhobo nokulinganisa iinkangeleko zeempawu zomhlaba.
Rekhoda imigqaliselo kuxhwebhu lokurekhoda. 6.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaze iziphumo- unxulumanisa imigqaliselo kunye neempendulo kwimibuzo egqalileyo.
Hlalutya inkcukacha (zoba igrafu ukuba ubona kufanelekile). Nxulumanisa imigqaliselo kwimibuzo egqalileyo ngokuchaza
iziphumo (uze ubhala isiphelo/ okanye uluvo lwakho)
37
Isiphumo sesifundo 2 Ukwakha ulwazi lwenzululwazi
IiFosili 6.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: kubuncinaneni, uchaza iimo ezahlula olunye udidi kolunye
Chaza ngokufutshane ezi ngqiqo:
o IiFosili o Izilwanyana ezikhuselweyo kunye neentsalela zezityalo o Ilitye o Ukwenzeka kwefosili o Iintlekele zendalo o Ukushicilela izinto ezaziphila mandulo zaza zaba lilitye o IFosilikhasti o Ilitye elenziwe ngentlenga o Istrata selitye esenziwe ngentlenga o Izibaso zendalo ezizifosili
Iveki 37
- 23 -
Isiphumo sesifundo 3 INzululwazi Uluntu kunye nokusiNgqongileyo
Chaza izimo ezahlula udidi olunye lwefosili (emifanekisweni
okanye iifosili zenene) kolunye udidi lweefosili (umz. izityalo, kumaqokobhe, nakwizilwanyana njl njl)
6.2.3 Utolika ulwazi: Tolika ulwazi ngokokufutshane usebenzisa iintlobo ezichaseneyo zolwazi olufanayo
Funda uze uphande ukuba zazibunjwe njani iifosili. Qulunqa amanqaku akho.
Yenza umzobo wefosili uze ufake neelebhile ukucacisa
umzobo. 6.3.1 Uza kuqonda iNZULULWAZI nobugcisa ngokwemeko yezendalo nolwazi lwemveli: Chaza ukufana kwiingxaki nakwizisombululo ngokunokwazo nakolunye uluntu kwixesha langoku, elamandulo, nakwixesha elizayo.
Chaza ukufana kwiingxaki ukusuka kwixesha lakudala, kwela ngoku nexesha elisezayo elibubungqina kwifosili (ukulungisa ngezityalo kunye nezilwanyana okanye ukufa ngenxa yemeko ekhoyo.okanye ukutshintsha kokusingqongileyo.
38
1-3 Amafutha avela kwifosili Chaza ngokufutshane ezi ngiqo:
o Ukulondolozwa o Iintsalela zezityalo kunye nezilwanyana o Amafutha avela endalweni o Ilahle eliqinileyo o Ioyile elulwelo o Igesi- igesi yefosili
6.2.3 Tolika ulwazi ngokusebenzisa olunye uhlobo lolwazi olufanayo
Yenza umzobo obonisa imvelaphi yamafutha endalo 6.3.2 Ukuqonda ifuthe lenzululwazi kunye nobugcisa; cebisa iindlela zokuphuhlisa iinkqubo zobugcisa ukunciphisa izinto ezinempembelelo engalunganga kokusingqongileyo
Cebisa ( ngophando uze ubhale) malunga nendlela zokuphucula iinkqubo zobugcisa ukunciphisa impembelelo engalunganga yamafutha efosili kokusingqongileyo (indlela zokonga umbane kunye namafutha)
Cebisa ngeempembelelo ezingalunganga ezinokwenzeka
kubushushu bomhlaba jikelele (ngenxa yokusebenzisa amafutha efosili) kwimozulu yoMzantsi Afrika. Cacisa (zoba uze ubhala) ukuba oku kungaluhlisa okanye kulunyuse njani ukhukuliseko lomhlaba.
Iveki 38
- 24 -
39
1-3 Iingcebiso zokuyondelelanisa
o Isinkwenkwezi: Phanda ngamabali ezinkwenkwezi kwezinye iinkcubeko uze unike ingxelo ngokubalisa ibali
o Amatye: Phanda, ubhale uze uzobe ngokubonisa iindlela
ezisetyenziswa ngayo iintlobo zamatye ahlukileyo kunye namatye exabiso ekwakheni, izihombiso ezinamatye anqabileyo, imifanekiso eqingqiweyo, amatye engcwaba.
o Imihlaba: Phanda, ubhale unikezele ulwazi lweendlela
ezahlukileyo zokulima kwimihlaba eyahlukileyo (umz. irayisi esakhulayo kwirayisi enexolo.
o Iifosili: Fumana, uzobe uze ubhale ngezityalo kunye
nezilwanyana zefosili eMzantsi Afrika (umz. Iifosili zaseKaroo)
o Ukutshabalala: Fumana, uzobe ze ubhale malunga
ngezityalo nezilwanyana ezathi zatshabalala okanye zinganakho ukutshabalala ziphele (umz. Isilwanyana esibuqwarhashe).
Iveki 39
40
1-3
UMSEBENZI WOHLOLO OLUSESIKWENI 6
Iveki 40